MTHATHA- U-Thobani Mhlanganiso(30) yinzalelwane yaseXeni eLujecweni kwidolophu yakuTsolo.
Xa kufunwa ingcaphephe nengcungela kwezobudlwengu kubuzwa kuye. Amaxhoba wakhe aqala kubantwana abaneminyaka esibhozo( ukuwelela kwabanamashumi amane anesihlanu(45). Kwilali yakhe ubequqa ebuyelela okwezulu laseMthatha.
Ngokwengxelo yesithethi samapolisa ephondweni uColonel Priscilla Naidu, lomguvela wesidlwengu esingenalusini ubewagrogrisa ngokuwabulala amaxhoba wakhe, amanye ewoxuthela imali nezinye izinto emveni koko awacambalalise azenzele kulomhlaba unexabiso.
Khange aphelele kuTsolo ubewelela nakwidolophu yaseMthatha. Ukanti lo rhal’ azincame wenkwenkwe ubejongene nothotho lwamatyala kodwa ebhungca kwamanye ngenxa yobuyeke-yeke nokunqongophala kobungqina.
Ngenxa yobude bengalo yomthetho ulibo-fuzo(DNA) ngabula makhumsha iye yangqama kunye naye kwizigabeko eziliqela zodlwengulo nto leyo ekhokelele ekubeni awelwe ngamatyala wakudala.
Kwinyanga yeSilimela kulo umiyo, inkundla yamatyala yaseMthatha yamfumanisa enamatyala aliqela.
Iye ke namhlanje yagqiba kwelokuba imgwebe iminyaka elikhulu elinamashumi amahlanu(150) eqamele ngenqindi kwezimnyama izisele.
UMkomishinala wamapolisa ephondweni uNjengele -Lieutanant Nomthetheli Mene uncome igqiza ebeliququzelela ukugwetywa kwesisigebenga, ukuqala kubacuphi, abatshutshisi ukuyoqhina kuMantyi obechophele elityala.