GQEBERHA – Unyana oyinkulu kagqirha uBantu Noqekwa ukhupha into ngomlomo, akatweli kanje ungafunga uthi ubotshwe emnweni.
Ugqirha Bantu Noqekwa wadutyulwa lahlanza iselwa kwindawo yakhe yokuxelenga yabucala ngomhla wesithathu kuCanzibe kulo umiyo.
NgoLwesine umhla we-6 kulenyanga uKhanyisa Noqekwa uziphake zishushu ezegumgedle kwanebholo lokubulawa kukayise, uxelele inkundla kaMantyi yaseNew Brighton phezolo, eGqeberha.
Elityendyana lithi ngunina owathi kulo mababulale uyise, uqhube wenjenje unina wathi kuye; “uyihlo ufuna ukundibulala, elam ke lithi kuwe masimbulale engekandibulali”.
Isajini uSibulelo Yali nongumcuphi welityala uxelele inkundla ukuba oyena ngqondo-ngqondo welibholo ngowayesakubayi nkosikazi kagqirha Noqekwa uNothukela Ethel Noqekwa.
UNothukela Ethel Noqekwa uye wahamba emveni kwesisiganeko wayakugxumeka ezakhe iintente eKapa eshiya le nyhudede.
Mhlawumbi linyanisile iciko elithi; “imali yingcambu yesono”, kodwa ke singasemoyeni sizakuziphaka ngobunjalo bazo.