EMONTI – Inkintsela yeXhwele elaziwayo eMonti ityholwa ngokudlwengula. Esinye sezigulane zakhe sicele inkundla yamatyala yaseMdantsane ukuba imkhulule ngengqawule, unabe wenjenje;
“izigulane ziyasokola ngaphandle kweliXhwele”.
Le ndoda nenguSomashishini kwiindawo ezahlukeneyo ngokwenza umsebenzi wobunyangi ibifake isicelo sebheyile enkundleni ngoLwesine kodwa uMantyi uye wasikhaba isicelo sayo.
Le ndoda ityholwa ngokuthatha intwazana ebeminyaka engama-20 ubudala ebiziswe kuye ukuba iyomnyanga emangcwabeni waseMdantsane ngomhla we-16 kuTshazimpuzi 2023, wamenzela into yokusela emva koko wahamba naye waya kumdlwengulela kwindlu eseMdantsane.
Inkundla ixelelwe ukuba ummangali uvuke kwindlu angayaziyo wabe ummangalelwa lo kubonakala ukuba uselise le ntwanazana lento yasemangcwabeni emveni koko wazithathela kulomhlaba ungezantsi. Le ntwazana iye yatsalela umnxeba abazali bayo ukuze bazokuyilanda emveni bayakuvula ityala.
Le ndoda iye yabanjwa ngomhla we-9 kuCanzibe yavela okokuqala enkundleni ngomhla we-10 kuCanzibe. Umtyholwa uthe abantwana bakhe kunye namakhosikazi wakhe axhomekeke kuye, uqhube wathi ukuba uyaqhubekeka ukungasebenzi lonto ingamfaka ematyaleni kwaye ingachaphazela ekuthinjweni kweemoto zakhe ngenxa yokungabhatali izavenge zanyanga nanyanga.
Ukwathe uninzi lwabasebenzi bakhe bangalahlekelwa yimisebenzi ukuba akakhululwa.
Kwi ‘Affidavit’ yakhe efungelweyo nebifundwa ligqwetha lakhe uLuntu Jikijela isuka kwinkampani yamagqwetha iMvuzo Notyesi Attorneys, ubhale wathi,
“Andinatyala ngakwesisiganeko endityatyekwa ngaso ndikholelwa ukuba ezizityholo ziyinkcitha-xesha”.
Uthi ebengaziphilelanga kwaye usebenzisene nabakwantsasana, uye wazinikela emapoliseni ngokwakhe. Uthi ebefunyenwe sisigulo asithathela amayeza rhoqo. Uphinde wathi, “Ndilindele nantoni ngoba besendibekwe amabala uluntu lundibona njengo mdlwenguli. Abantwana bam nosapho lwam luzakuchaphazeleka ukuba andiyifumani ingqawule ngoba alikho welityala”.
Uthi uzakuyithobela imiqathango yengqawule anikwa yona kwaye angakwazi ukubhatala ama-R2,500 engqawule.
Xa ebexinwe ngemibuzo nguJikijela nomele iqela lokuphanda uSandile Thongo bathi umsolwa ukwanalo nelinye ityala eliqhubayo lokudlwengula apho wayetyholwa ngokudlwengula intwazana eneminyaka eli-16 ubudala, uzakuvela enkundleni yaseQonce malunga nelityala ngomhla wesi3 kweyeKhala 2023.
UThongo uthi amapolisa asaphanda malunga nezinye izityholo ezimbini zokudlwengula ngakumsolwa lo. Elinye ityala lakhe kwinkundla kaMantyi yaseMdantsane lirhoxisiwe emveni kokuba kuye kwalahleka idokethi.
UThongo uyibhebhethile ingqawule ecelwa yilendoda ngelithi; lendoda ijongene namatyala nekukholeleka ukuba iziganeko zalamatyala izenze emveni kokuba ephume ngengqawule kwelatyala laseQonce, ngoko ke akuthandabuzeki ukuba ingaphinda ukuba ingakhululwa.
Uthe incidi yofuzo(DNA) ithunyelwe eKapa ukuze ivavanywe kungoku nje kusalindwe iingxelo.
Le ndoda izakubuyela enkudleni ngoLwesihlanu ukuza kumamela isigqibo malunga nesicelo sengqawule.