LIBODE – NgeCawa umhla wamashumi amabini anesine(24) kweyoMnga kulo umiyo(2023), usapho lakwaXalasi lucele amapolisa waseLibode ukuba angenelele emveni kokugrogriswa ngunyana walo ogama linguSikhumbuzo Xalasi(31). Olusapho luthe ngenxa yokoyisela ubomi lwazivalela endlwini emveni koko latsalela amapolisa umnxeba ngelicela uncedo.
AmaPolisa akhange aphozise maseko, aleqe ngqo kwindawo leyo. Afike ankqonkqoza nalapho axelelweyo ukuba uphi unyana lo ubagrogrisa ngokubabulala.
Aleqe kuloo ndlu ubekuyo, nalapho ankqonkqozile waphendula uSikhumbuzo Xalasi(Umgrogrisi) oneminyaka engamashumi mathathu ananye(31). Uphendule ngelithi “lukhabeni ucango ukuba nindifuna nyhani”.
Ngokomyalelo wakhe ke alukhabile ucango amapolisa, emveni koko kwakhala umbayi-mbayi, ibezizithonga nje ezimbini lahlanza iselwa.
Ikhaya ke ngoku limfuna apha umntwana walo, kuba akhange lithi makabulawe. Ngelixesha kwenzeka esisiganeko abantu bolusapho lakwaXalasi bayalelwe ngamapolisa ukuba bangaphumi kwindlu leyo bebezivalele kuyo.
Olusapho lucela ukuba urhulumente wephondo leMpuma Koloni angenelele kwesisehlo ngelithi bafuna kwenziwe ubulungisa ngakulamapolisa.
Ngexesha sipapasha elinqaku inkonzo yesipolisa ephondweni ibingekaphefumli ngale nyewe.