TSOLO – AmaPolisa wakuTsolo aziphica nasezicithini izidlwengu ezimbini(2) ezikwangababulali kummandla wakuTsolo kumganyana nje ongange 40km xa usuka ngaseMthatha.
Ngamagqiyazana amathathu(3) athe adlwengulwa yimigqutsubana yamaxelegu yamakhwenkwe emveni koko azithathela ngolunya kulomhlaba ungcwele, awaphelela nje kwelosikizi koko abulala elinye laloo magqiyazana.
Esisiganeko sihambisa umzimba senzeke ngomhla wokuqala(01) kwinyanga yoMqungu kulo umiyo(2023).
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samaPolisa kwiphondo leMpuma Koloni uWarrant Officer Majola Nkohli, “ngamadoda amabini(2) akhangelwa sisiPolisa seli loMzantsi Afrika emveni kokuzithathela ngolunya akugqiba abulale ngokungenalusini”.
Ityala lokubulala intombazana enye(1) kuquka nelo lokudlwengula amanenekazi amathathu(3) livuliwe kwisikhululo samaPolisa kuTsolo.
Ezizigila-mkhuba zidibene nalamagqiyazana ezihambela zakhupha amabhoso emveni koko zawanyanzelisa ukuba akhupe imali kunye neemfono-mfono zawo zasesinqeni.
Ngenxa yomothuko abantwana benze ngokomyalelo, emveni koko eziziphixi-phixi zenkuntsela ezikwangorhal’ azincame ziye zabacambalalisa zasika kabini-kathathu kulomhlaba uvundileyo.
Aba bantwana nabaqikelelwa kwiminyaka elishumi linesibhozo(18) ukuya kwishumi elinethoba(19) baye babatshwa ngentambl zezinkunyevu zodzokhwe bayakuphoswa kwindawo enomsinga wamanzi.
UmKomishinala wamaPolisa ephondweni leMpuma Koloni uLt-Gen Nomthetheleli Mene udlulise amazwi wovelwano kusapho oluthe lwazibhaqa luzilela umntwana walo nobengabikwa nelinjani ihlaba.
Kusenjalo udutyulwe lwangcol’ ungele usomashishini owaziwayo eMthatha. U-Khaya Nelson Mdlalo(71), lo kaMdlalo ufunyenwe edunduluze echibibini legazi endlwini yakhe eseKhwezi Extension kwisithuba sentsimbi yesithathu(15h00) emva kwemini ngoLweSibini.