EMONTI – Kubhiyozelwe uMngqungqo kunye noDumza Maswana eGuild Theater eMonti ngoMgqibelo umhla wama-21 kule imiyo. Abalandeli bomngqungqo abantwana bomgquba nabebala, badele imvula baya kuzonwabisa besonwabela lomculo unesingqi sakwaXhosa.
Phakathi kweemvumi ebezidyusha eqongeni bekukho iLulutho neqeqesha abantwana ibalolongela ukuthanda umngqungqo. I-Lulutho Arts and Leadership Institution yasungulwa ngonyaka wama-2021, emveni kokuba saye saqaphela ukuba uninzi lwabantu abatsha kwiphondo leMpuma Koloni lutyeshela amasango amaziko ezemfundo ngenxa yezifundo zezibalo nezenzululwazi abasilela kuzo.
UYolanda Peterson ongumsunguli weLulutho uthi ababantwana abanye babo banako ukukhubazeka xa sesiyijonga ngeliso looGqirha imeko yabo, nto leyo ibabangela bangakwazi ukugxila kwizifundo zabo kodwa uyakufumaniseka ukuba kwinkcubeko bangomakhwekhwetha.
U-Peterson unabe wathi, “Ababantwana abathathi kade, bathatha kade kwimfundo eqhelekileyo kodwa ukuba ubabeka kwinqabana apho bezifumanisa bekhululekile bayabasela.”
Enzokuhle Yokwe ungomnye wabantwana beLulutho, ukwangumfundi kwisikolo samabanga aphakamileyo i-Ebenezer Majombozi uthi ukudyusha qongeni linye kunye noDumza Maswana kuzakumenza akwazi ukutshitsha imeko yekhaya lakhe.
“Ndilapha namhlanje kuba ndizibona ndinguDumza Maswana wangomso, ndikholelwa ukuba le yindawo yam yokuqalela ukutshintsha imeko yosapho lwam.” Utshilo uEnzokuhle.
UPeterson uvakalise ulonwabo kakhulu ngokuba kuliphupha lakhe ukubona ababantwana bephumelela nanjengoko abanye kubo bejongene nemiceli-mngeni eyahlukeneyo, bambi kubo baphuma kumakhaya angathathi ntweni. Njengokuba iphondo iMpuma Koloni iliphondo eliqhwalelayo kwizinto ezininzi, uDumza iphulo lakhe lokuncedisana kunye nabo bakhule bayalivuyela kakhulu ngokuba ufike wangu tata kwababantwana, nanjengoko bekhona abantwana abangenabo ootata.
UDumza uthi wonwabe kakhulu ngokubona inginginya yabalandeli yakhe ifika ukuza kuzimasa umsitho wakhe, ekwabulela abalandeli abathe badela imvula beza kumxhasa uthi lonto ibonisa ukuba bakhona abantu abakholelwayo kumbono wabo.
UDumza uthi, “Yonke into esiyenzayo inxulumene nokukhumbuza abantu ngemvelaphi yabo. Ababantwana bebengqungqa ukubonisa ukuba bayawuqonda umngqungqo, ukubamamela nje uve isingqi sabo. Ubudlelwane bam nababantwana buhle kakhulu ndiye ndichithe ixesha kunye nabo elalini sihlale, sicule, sitye ndicinga ukuba yenye yezinto abazonwabelayo kakhulu ezo.”
Oka Maswana uthi umyalezo womculo wakhe kubalandeli bakhe kukuba umntu azikhumbule ukuba usukaphi, ukuze nabantwana bethu bayidlulisele inkcubeko yethu nomculo wethu kwizizukulwana ezilandelayo.