MAKHANDA – Ungafunga uthi bekubulawa isilwanyana esinobungozi.
Ngomhla we-02 kweyeKhala 2023 uAnele Madasi waseMakhanda kwilokishi yase Extension 7 ufele ityala angalaziyo.
Ingxelo ithi elityendyana lidibene nantombazana ithile ngobusuku bangeCawa isuka kwisirhoxo esikufutshane ilibangise kowayo eExtension 9. Intombi le iye yacela lo mfana ukuba ayikhaphe nanjengoko besele kumnyama.
Apha ekuhambeni kwabo badibene nesoka lalentombazana nelithe lacela lo mfana ukuba asele ehamba kunye nabo kuyochithwa ubusuku kowabo kwentombi le.
Eneneni ke umfana uye wavuma kwahanjwa. Kuselwe utywala ubusuku bonke apho umfana lo athe wohlulwa bubuthongo walala. Abazibonele ngamehlo apho kanye umzimba womfi ubudunduluze khona bathi bave ngalentombazana isithi lo mfana uye wazama ukucofa-cofa intombi le yaze intombi yacela oobhuti bayo ababini bangenelele nalapho kuthiwa bayibethele ibhokisi.
Ingaba mhlawumbi xa ebelele umfana, nesoka lentombi likhona uyiqale njani yonke lento? Ngumbuzo buciko ofuna uhlalutyo olunzulu.
Abaphelelanga nje ekumbetheni ngomphini wepeki, bambilisele amanzi, amafutha(cooking oil), bembetha nangemihlakulo.
Amadoda amabini athe abanjwa ngokunxulumene nesisihelegu abuye akhuluwa ngelithi kulindwe uqhaqho-mzimba(Postmortem). Kuyavakala ke ukuba ibingengawo kuphela lamadoda athe abulala lo mfana bekukho nabanye.
Namhlanje umhla we-09 kweyeKhala 2023 ngentsimbi yesibini(14h00) abahlali ebebevutha ngumsindo badele ingqele eqhaqhazelisa amazinyo bayakudibana ngasecaweni yaseZCC ngokuvelana nekhaya lakwaMadasi besenza inkonzo ukugxwala emswaneni ngokulayita amakhandlela(Candle Lighting).
Ijelo leendaba
i-Eastern Cape Daily News liye yancokola nelinye lamatsha-ntliziyo alwa ubundlobongela eMakhanda uSiyamthanda Dyantyie,
Uthethe wenjenje, “Singabahlali siye sadibana sayokwenza umthandazo phaya kwindawo yexhwayelo silayite amakhandlela”.
Sincokole nosihlalo we Neighborhood Watch uLuyanda Sakata naye ungqinile ukuba ngenene lento ibenze umsindo kakhulu bengabahlali. utyatyadule wathi, “iziganeko ezinje ziyasika kwinimba yomzali ngamnye kuba akekho umzali onqwenela ukubhujelwa ngumntwana ngalendlela”.
Emveni kokuba bembulele baye bamrhuqela ngakwindlu ekufutshane kodwa ngelishwa lomhluzi wamanqina ugogo walondlu ngalo lonke elixesha besenza lento ugogo ubajongile.
Akaphelelanga njee ekubajongeni uye ngqo kule nkwenkwe nafike seyitsala umxhelo kucaca ukuba iyagoduka. Ledyongwana iye yacela amanzi sekubonakala ukuba iyoyisakala, eneneni ke ugogo uyinikile amanzi kanti selikhalile ixilingo yasabela.
Ikwangugogo owenze intlaba-mkhosi ebahlalini, ikwanguye nobikele amapolisa.
Wanga umphefumlo kaAnele Madasi ungaphumla ngoxolo. UThixo amkhanyisile ngokhanyiso olungacimiyo.