WHITTLESEA – Umsamariya olungileyo uzama ngako konke okusemandleni ukuba abuyise isidima somntwana oyinkwenkwe esikolweni.
uLuxolo Mvandaba nophuma kumbutho ongenzi nzuzo i ‘Unmasking Mans Emotions’, unikezele ngezihlangu kwizikolo zaseWhittlesea eSada kwindawo yaseHewu.
Ngomhla we12 kweyeSilimela kulo umiyo ukuya kuma-14 kwakule yeSilimela lombutho ukwiphulo lokugqithisa ngezihlangu ezikolweni.
Lombutho ngosuku ungqinile ukuba uzokunikezela ngezihlangu ezingama-20 kubantwana abaphuma kumakhaya engathathi ntweni.
Ukongeza enye inkondekazi nengu ninakhulu komnye wabantwana abathe baxhamla ithethe yenjenje,
“ndingu makhulu mna apha kuOyintanda, umama KaOyintanda kunye notata kaOyintanda abaphangeli. uOyintanda lo ukhuliswe ngumakhulu, akululanga ke ukukhulisa umzukulwana ungenanto ungumakhulu, kwaye nabazali bakhe bengaphangeli kungekho nento abangakwazi ukuncedisa ngayo”.
Inqununu yesikolo samabanga aphantsi i-Lonwabo uArchie Qolo uthe,”indawo yaseSada kwixesha langaphambili yayiyindawo ibinemisebenzi kakhulu. Abazali bebafundisa abantwana babo kakuhle kodwa ethubeni ziye zavalwa iiFemu kwabanzima kakhulu, lonto ke yabachaphazela ke abantwana balendawo abazali balapha eSada ngabazali abanenjongo ekufundiseni abantwana babo.”
Ukongeza okaQoli ugxininisile ukuba intswela-ngqesho iveze okwe kati ehlungwini ukuba into yokuba abantwana babo abanazihlangu. Lonto yenza ababafundi ukuba banxibe iiteki esikolweni kwaye baziva benentloni, kwaye umntwana uyazikhupha kwabanye kwaye eziva engonwabanga xa enxibe amateki esikolweni.
“Ngokwengxelo ebuya kuphando esithe salenza, ingakumbi ezilalini umyinge ka75% wabantwna abangamakhwenkwe abakwazi nokufika kwibanga leshumi elinambini ngenxa yokuba nentloni zokuhamba ngeenyawo (barefoot) ingakumbi kwixesha lasebusika kungoko ke siqonde ukuba masiwakhuthaze lamakhwenkwe ukuba ahlale esikolweni ngokuwanika izihlangu nanjengoku singenazo ezinye ezinto abazidingayo.”
“Umbutho wethu uxhomekeke kwisandla esiphayo kunye nabaxhasi abathi basixhase”, utyatyadule watsho lokaMvandaba
“Iinjongo zethu kukuba sifikelele kuzozonke iilali ezingqonge iHewu kwakunye nezinye iindawo kweliphondo leMpuma koloni, ingakumbi kwizikolo ezisemaphandleni.”
Oka Mvandaba wongeze ngokuthi, “Sikwacela ke inkxaso kwabo banako ukuze sifezekise iphupha lethu kulombutho wethu.”
Umbutho kaMvandaba yonke leveki uzokube etyhudisa kwizikolo abazichongileyo ezikwiilali zeseWhitllisea benkinkisha izihlangu.