KWABHACA – UMasipala wasekuhlaleni wase Umzimvubu ubekele bucala isixa mali esingama R55 million kuhlahlo lwabiwo mali luka2023/2024, ukulungiselela uphuhliso lendawo yakwaBhaca.
Oku kuye kwabhengezwa ngusodolophu walo masipala uCllr.Zukiswa Ndevu nalapho bebesingathe umsitho owaziwa ngokuba yi’Annual Service Delivery Imbizo’ kwesithili iLuyengweni Village KwaBhaca.
UMasipala ukwancedise nangemali esisibonelelo yeziseko zophuhliso, iMunicipal Infrastructure Grant, iMIG ngamafutshane. Ukulungiselela uphuhliso lodibaniso ezindleleni.
OkaNdevu uthe amathuba engqesho azakuthi avele xakusenziwa leProjekthi.
“Sibenenyweba ke yokuba sidibane neziphatha-mandla ezingoochwephesha kuphuhliso lodibaniso ngethuba kusenziwa uhlahlo lwabiwo mali lwalonyaka. Kulapho ke kuye kwavela amathuba engqesho angaphaya kwama 220 oko kuqale leProjekthi,” Ndevu
Abahlali bakhumbuze umasipala kwisibophelelo sakhe ekufakeleni umbane kumakhaya angama 700. Oku kuza emveni kokuba imali ethe yafakwa kwingxowa mali yalomasipala engama R17 million nesuka e-Integrated National Electrification Program INEP ngamafutshane.
OkaNdevu ukwabongoze abahlali ukuba mabaphume ngobuninzi babo, kwimisitho kaMasipala emalunga nezinto zasekuhlaleni.
Emfanekisweni: USodolophu womasipala wasekuhlaleni wase UMzimvubu Cllr. Zukiswa Ndevu