LUSIKISIKI- KuMasipala wase-Ingquza Hill kwidolophu yaseLusikisiki inqwelo-mafutha kaTsepo Balimithi ophuma kwilali yakwaNyati yoxuthwe inkani ngunqevu obexhobe ngomkhono wekati.
Le ndoda ibihamba ngesithuthi sikaTsepo ongumhlobo wakhe. Umhlobo kaTsepo ngelixesha kusenzeka lento ubehamba nentombi yakhe. Baqweqwediswe yindoda enye ibakhombe ngompu emveni koko yabafaka ngasemva kwi “boot” yaxhaxhatheka nabo ukuya ngakwilali yaseJambeni.
Ufike apha ngakwindawo eyibhulorho wabehlisa ebakhombe ngomkhono wekati ebatsutsuza nange “Pepper Spray”, Uye woxutha imfono-mfono kwintombi yelityendyana emveni koko wacela ukuba iyivule. Ngenxa yokoyika nokothuka yenze njalo le ntombazana lomguvela uye wafownela umntu ekucaba ngumhlobo wakhe ebuza ukuba abathini aba bantu.
Kuyarhaneleka ke ukuba impendulo ithe bakhaphe ngeenyawo ungayeki ubakhomba ngompu uphinde ke wena ubuyele kwinqwelo-mafutha leyo.
Yi-Polo Viyo enombolo-mbhalo uyi-KDP 559 EC, yoxuthwe ngakwi-Garaji yakwa-Engen kwisithuba sentsimbi yesibhozo(20h00) ngokuhlwa kwangeCawa umhla wokuqala kweyeDwarha 2023.
Ityala livuliwe kwisikhululo samapolisa waseLusikisiki.