EMONTI-Ngomhla wama23 kuCanzibe kulo umiyo, isebe lezemfundo kwiphondo leMpuma Koloni belisingathe umsitho nalapho bekuwongwa abafundisi-ntsapho ngegalelo abalidlalileyo ukunika umntwana wendlu emnyama ikamva eliqaqambileyo.
Umphathiswa wesebe lezemfundo kwiphondo leMpuma Koloni uFundile Gade ebezimase lomsitho, kwaye nguye ebewonga abafundisi-ntsapho bathe bagqwesa kwiphondo leMpuma koloni.
ULusasa Kwandiwe ophuma kwisikolo iZingisa Comprehensive High School eMthatha kuMasipala wesithili iO.R Tambo ngomnye wabahlohli abathe bagqwesa. Abafundi bakhe bafumane umyinge we98%. Uthi ke uqale ngonyaka wama2017 ukubangumfundisi-ntsapho kwesisikolo. Kwaye ke ibingunyaka wakhe wokuqala ukuba ngomhlohli unyaka wama2017.
“Abafundi bam kunyaka ophelileyo bebengama 47, kwabo bafundi kuye kwaphumelela abangama 46, kungoko ke ndiye ndafumana u98%,” ucacise watsho lo kaKwandiwe.
“Manintsi amaqhinga ongathi uwasebenzise xa ungumfundisi ntsapho.
Okokuqala kufuneka ubathande abantwana, elo ke likhubalo lokubasondeza kuwe. Kwaye kufuneka uyazi ukuba abafundi abafani, kukho abo benzangcono kunabanye ezifundweni.”
UNobuntu Nqeketho ngomnye wabafundisi-ntsapho abafumane lembasa yeMEC awards nofundisa ulwimi lwenkobe.
“Kunzima kakhulu apho sisebenza khona kuba ndingumfundisi-ntsapho kwisikolo saseMenziwa kuMasipala wesithili iOR Tambo esisezilalini, apho kunzima nokungena ngemoto. Sizama ngazo zonke iindlela ukuba umntwana womntu omnyama ukuba aphumelele. Eziziphumo sizifumana ebunzimeni” Uthethe wophela watsho lokaNqeketho ebhentsisa intlungu abasebenza phantsi kwayo.
“Neencwadi zokufunda kunzima asinazo, azonelanga, kodwa kobobunzima siyalwa kuphume u100%,”
Wongeze ngelo.
Ukongeza abafundi abangama29 bafumane imbasa kaMEC award, ilaptop, power bank kunye nesixa-mali esingangeR5000 umfundisi-ntsapho ngamnye.
Ukanti abafundisi-ntsapho abahlanu abagqwese kakhulu bagoduke nemigrugra yeminyonyovu emitsha kraca yemoto, umfundisi-ntsapho ngamnye