Celebrating African Heritage and Unity Through Music
11 September 2024
A Sonic Tribute To The Zulu Goddess
28 August 2024
AmaPolisa wakuTsolo aziphica nasezicithini izidlwengu ezimbini(2) ezikwangababulali kummandla wakuTsolo kumganyana nje ongange 40km xa usuka ngaseMthatha. Ngamagqiyazana amathathu(3) athe adlwengulwa yimigqutsubana yamaxelegu yamakhwenkwe emveni koko azithathela ngolunya kulomhlaba ungcwele, awaphelela...
Read moreUMthobeli 'KCi' August usweleke ngoLwesihlanu weveki ephelileyo esendlwini yakhe eRhawutini. Ngomso umhla wesithathu(03) kule yoMqungu uzakugaleleka umzimba wakhe kwikhaya lakhe eliseAdelaide apha kwiphondo LeMpuma Koloni.
Read moreBebezityela izinto zabo ezibanda kamnandi uBongani Polo(38) kunye neqabanekazi lakhe elinguVathiswa Dyani(33) ngexesha kuqala ingxushu-ngxushu kwesisibini. Ezizithandani bezihleli kunye nabahlobo kwindawo yakwaMlungisi kuKomani ngexesha le mpixano. U-Bongani Polo uye wakhweletela...
Read moreNgeCawa umhla wamashumi amabini anesine(24) kweyoMnga kulo umiyo(2023), usapho lakwaXalasi lucele amapolisa waseLibode ukuba angenelele emveni kokugrogriswa ngunyana walo ogama linguSikhumbuzo Xalasi(31). Olusapho luthe ngenxa yokoyisela ubomi lwazivalela endlwini emveni...
Read moreSisiganeko esikrakra, esibuhlungu, esihambisa umzimba, nesishiya imibuzo engenazimpendulo.
Read moreNanjengoko imvula igalela ngamandla ephondweni leMpuma Koloni, iziphumo neziqhamo zalonto kukufa.
Read moreKwiiveki ezimbalwa eziphambi kosuku olukhulu olubhiyozelwa kwihlabathi jikelele i-Krismesi, usapho lakwaNcapayi eMthatha belungalali buhlayo emveni kokulahlekelwa ngumntwana walo. U-Phahlo Panda Ncapayi(22) wayephume nabahlobo bakhe ngomhla weshumi elinesixhenxe(17) kweyoMnga kulo umiyo(2023)...
Read moreOwazenzela udumo kwezosasazo u"KCI" Mthobeli August kwizikhululo eziliqela ekuquka kuzo uMhlobo Wenene ulandulele eli limagad' ahlabayo. Lo msasazi wodumo nobesaziwa kakhulu ngamabali ahlekisayo kwiinkqubo zoMhlobo Wenene ingakumbi inkqubo ethi, "Afternoon...
Read moreKuntlithene izithuthi ezimbini kwazekwasweleka igqala lobugcisa uMbongeni Ngema, kwingozi yemoto eyenzeke kuhola wendlela uR61 eBizana, kwindlela eya eMagusheni. Lengozi yenzeke ngomhla we 27 kule imiyo, malunga ngecala emveni kwentsimbi yesine...
Read moreKuntlithene izithuthi ezimbini okwentlok'zegusha eNciba, kwasweleka abantu abathathu. Isithuthi esiluhlobo leToyota Quantum nebesigcwele qhu sitlithene neSuzuki nebilayishe abantu abathathu, namhlanje malunga ngentsimbi yesibini emveni kwemini.
Read more