GATYANE – Imvumi yomculo wevangeli eyinzalelwane yephondo leMpuma Koloni kuGatyane, uGqirha Lusanda Mcinga ukhuphe icwecwe elitsha kunye neqela lakhe elaziwa ngokuba yi’Lusanda spiritual group’.
Elicwecwe nelisihloko esithi ‘Ndiyabulela’ liqale ukufumaneka kwihlabathi ngokubanzi ngomhla wama-30 kweyeSilimela 2023. Elicwecwe liqulethe iingoma ezilishumi elinanye(11), kwaye ezingoma zidlulisa umyalezo wokubulela inkxaso athe wayifuma kuhambo lwakhe lomculo.
LokaMcinga uphefumle wenjenje,
“icwecwe lam lokuqala ndilikhuphe ngo1995 nangona ndingasakhumbuli kakuhle ukuba ndinexesha elingakanani ndilapha emculweni. Kuba ndikhuphe icwecwe lam lokuqala sele ndinethuba ndicula”.
“Ndingumntu okhulele ecaweni yaseWisile kwaye ndiwuthanda umculo yiyolonto ndakhetha ukucula umculo wevangeli,ndaqala khona ukucula andayilahla inkolo kunye nomculo kuze kubeleli xesha”.
“Ubona nje umculo wam uthandwa ngabantu kukuba andizange ndisitshintshe isingqi somculo wam kwaye andingomtu uhamba namaxesha. Yiyo lento yenza abantu bawonwabele umculo wam naxa behamba uhambo olude. Umzekelo xa usuka eKapa usiya kuGatyane, abantu baye bacele ukuba badlalelwe iingoma zikaLusanda kwizithuthi zika wonke wonke,” Gqirha Mcinga.
Ukongeza lokaMcinga kwiminyaka edlulileyo simbonile esilwa idabi lokubiwa lomculo.
“Ndandilungiselela iimvumi ezisakhulayo ukuze zifike izinto zilungile apha ekubiweni komculo.”
“Andizange ndiluphumelele kodwa olodabi kuba xandidlula eGcuwa naseDutywa ndiyazibona ezazitendi zithengisa lomculo ubiweyo zisekhona,” wongeze watsho uGqirha Mcinga.
Wazise ukuba injongo zakhe ngelicwecwe kukubulela ebantwini abathe bamxhasa ukususela kunyaka wama1995 ukuza kufika kulo umiyo.
LokaMcinga uthe elicwecwe ngokukokwakhe lelokugqibele, kodwa amandla kaThixo ayakwazi ukuziveza. Lonto ithi akanakuvuma athi licwecwe lakhe lokugqibela.
Uqhube wathi elicwecwe libulela amajelo ezosasazo, abalandeli bakhe ukusukela kwicwecwe lakhe lokuqala ngonyaka wama1995. Kwaye ubulela namajelo ezendaba abhalileyo ngaye okugwenxa nokuncumisayo ngegama lakhe.
UGqirha Mcinga ugxininisile ukuba wathi lingumbulelo elicwecwe kubantu abathe bamxhasa ngokwezimali kuba amandla ebesele ephelile kuye.