MQANDULI – Ilali yaseKalalo ikwimida yaseXhorha noxa nje iphantsi kwedolophu yaseMqanduli.
Namhlanje umhla weshumi elinesine(14) kweyoMnga 2023 iinkonde neenkondekazi bezixhelelw’ exhukwana emveni kokuwelwa ngumqa esandleni ngenxa yegalelo lesisa ngokuxhaswa yiMasakhane Youth Develoment kunye nevenkile yezoxhobo zokwakha uBuild-It.
I-Masakhane Youth Development ngumbutho wolutsha wasekuhlaleni ojongene ncakasana nezidingo zabantu abatsha kuquka nezabantu abadala.
Lo mbutho awunangeniso kwaye lonto yenza abaseki bawo baqongqothe kwezabo iipokotho ngelizama ukunceda iimpula zikalujaca nemipha echutywe yalahlwa ngenxa yokugutyungelwa linxele likakhetsekile.
Igqiza labakwaBuilt-It kunye neMasakhane Youth Development lichonge iinkonde neenkondekazi ezitsala nzima nezingenamncedi kumakhaya wazo ngokuthi libathi jize ngeengubo ezishushu kunye nezimuncuncu eziluncuthu mazangwa.
Lo mxhamsholo ububanjelwe kwiholo yoluntu eKalalo phantsi kwenkosi yendawo uNoLondon Bacela. U-NoLondon Bacela uncome eliphulo ekwaliqhwabela izandla edomboza kananjalo ukuba abantu bafake isandla ngelixhasa eliphulo ukuze lingafi.
Kananjalo utata uIsaac Maranjana okwisigqeba solawulo lwasekuhlaleni uthethe wenjenje, “uThixo ingase anganipha amandla bantwana bam ningayiyeki lento intle kangaka niyenzayo yokuvuyisana nabantu abadala, uqhube wathi zintsikelelo ezo”.
Lo mxhamsholo ubungajonganga nje kuphela kubantu abadala kodwa nabo baphila nenkubazekho baye baxhamla kwesisihika-hika setheko.
Abantu abaxhamle apha xa bebonke bangamashumi amabini(20).
Lo mbutho uyiMasakhane Youth Development ucela inkxaso kuye nabani na onokuthi anqwenele ukufaka isandla ukuze nakunyaka ozayo wenze kakhulu kuba kungumnqweno kubo ukuqhubeleka neliphulo rhoqo ngonyaka.