EGCUWA – Umbhexeshi oyintloko wesikhundla esisemthethweni uSiviwe Gwarube ilungu lepalamente namanye amalungu epalamente bakhokele umngcelele kwizitalato zaseGcuwa ngomhla we-04 kweyeDwarha 2023, oku kuza emveni kweziganeko zabazali abazibulala babulale neentsana zabo ngenxa yendlala nesehlo esi sithe gqolo ukwehla kweli phondo leMpuma Koloni.
Abantu ebebezimase lomngcelele badundalaze kwizitalato zaseGcuwa, bevakalisa inkxalabo bekwabongoza uMphathiswa weSebe lophuhliso lwezentlalakahle, uBukiwe Fanta. Badlulisele uxwebhu lwezikhalazo kwi-Ofisi yoMphathiswa, becela urhulumente angenelele ngokungxamisekileyo ukuza nesisombululo kulenqontsonqa eliphondo lijongene nayo.
Iqela lezopolitiko i-DA ifuna iimpendulo kwiqela elilawulayo le-ANC nokuba ingenelele ukuncedisa iintsapho ezitsala nzima. Inkokheli yeqela leDA eMpuma Koloni uAndrew Whitfield, “Siliqela leDA eMpuma Koloni senza umngcelele apha eGcuwa ukuphawula ukunyuka kwamaxabiso ezinto sisithi lenyewe ithwaxa kakhulu iintsapho ezingathathi ntweni nezisuka emaphandleni”.
Kuxwebhu lwezikhalazo kucelwe urhulumente athobe imali yerhafu, imali yamafutha ezithuthi, ukutya okuthengwa kakhulu zintsapho ezingena ngeniso ininzi.
Eliqela lithi i-ANC kufuneka lingenelele ngokukhawuleziyo ize nezisombululo. Lithi kukho iintsapho ezisokola ukubeka ukutya etafileni ngoko urhulumente kunyanzelekile akhawuleze ukuphendula nanjengokuba sibona ukuba intsokolo ibaneziphumo ezingaginyisi mathe apho abazali bezibulala,babulale neentsana zabo.
Iqela leDA lizimisele ukuncedisa ukukhupha eliphondo kulenyewe, ikwazimisele ukwenza unako nako ukutshintsha iimpilo zabantu beliphondo.