MAKHANDA/NGQUSHWA – Iqumrhu elijongene nokwakhiwa nokulondolozwa kweendlela eMzantsi Afrika South African National Road Agency Soc.Ltd(SANRAL) kwiphondo leMpuma Koloni, likhuphe isaziso esilumkisa abaqhubi bezithuthi ngokuvalwa kohola wendlela uN2 omgama ongange khilomitha ezintathu(3km) phakathi kwaseMakhanda naseNgqushwa.
Oku kuza emveni kokuba kuzoqaliswa umsebenzi wokulungiswa kwalendlela.
Lendlela izokuvalwa ukusukela ngomhla we-17 kweyeKhala de kubesekutsheni kwenyanga yeDwarha kulo 2024.
Abaqhubi bazakuvulelwa indlela yexeshana ePikoli, kulindeleke ukuba izithuthi zilibaziseke into engange mizuzu elishumi ngethuba zihamba kulendlela.
Izithuthi ezisuka ngaseMonti zisingise eGqeberha ziyacelwa ukuba zisebenzise indlela uR72 ojonge eCawa, bathi xa befika eNanaga bangene ekhohlo kuhola wendlela uN2. Lo gama abasuka ngase Gqeberha besiza eMonti bezakulandela uhola wendlela uN2 eNanaga bangene kwisiphambuka esisekunene kuR72 kwakuyo lendlela.
UManjela kweliqumrhu lakwa SANRAL uMbulelo Peterson uthe, “abaqhubi bezithuthi bayacelwa ukuba bahlele uhambo lwabo kwangethuba kwaye baqwalasele ezinye iindlela abanokuzisebenzisa. SinguSANRAL siyaxolisa ngophazamiseko olubangelwe ngumsebenzi oqhutywa kulendlela.”