MTHATHA – Ubunyeke-nyeke bengxubakaxaka ebangelwe sisankxwe sezityholo zokudlwengulwa komfundi senze kwangabikho zinzo kwisikolo saseAttwell Madala Secondary School, eMthatha.
ISebe lezeMfundo eMpuma Koloni licengana nayo yonke imibutho eyahlukeneyo yasekuhlaleni isondele kwesisikolo kushukuxwe imiba eshiyeke ilenga-lenga esithubeni emveni kweentshukumo ebezisenzeka ingakumbi eMthatha.
Ngomso iSebe lezeMfundo lizakutyala amagosa walo kutyelelwe esisikolo ngenjongo zokukhangela isisombululo salentsinda-badala ukuze ukufunda nokufundisa kubuyele kwimeko yesiqhelo.
Kananjalo kuzakuqokelelwa bonke ubungqina ukuncedisana nophando.
ISebe liyacela ukuba abantu bazikhwebule ekugxekeni nasekugxibheni wonke umntu olixhoba lalenyewe ingakumbi kumakhasi wonxibelelwano.
Bonke abachaphazelekayo yilemeko bazakunikwa intuthuzelo yasengqondweni ukuze bakwazi ukumelana nalentlungu.
UMphathiswa weSebe lezeMfundo eMpuma Koloni uFundile Gade ucengana noluntu jikelele luziguzule kulenyewe kuyekwe umthetho ugqabadule uyoma apho kufuneka ume khona.
Ngokwasemthethweni elityala likumgangatho wesihlanu kwizikrweqo (Schedule 5 Offence) kwaye lityala elikhulu elinobuzaza.
“Ngoko ke masizikhwebule kulento singawaxhaphazi amaxhoba ngokukuthetha izinto ezimbi ngakubo kuba hleze ngokwenza njalo sinxaxhe phambi kwengalo yomthetho”, utshilo uGade.