NTABOZUKO – Ngalentlwa kwindlela uN2 nendlela uN15 kude kufuphi neNtabozuko(Berlin) isavaliwe okwexeshana. Le ndawo ibhengezwe njengendawo yexhwayelo emveni kwesihelegu sokuxhonyiswa kwenqwelo ethutha imali.
Amagosa wemicimbi engxamisekileyo kunye namapolisa baphantsi naphezulu ukujonga ucwangco kwindawo leyo yexhwayelo.
Kuyacetyiswa ke ukuba abaqhubi basebenzise ezindlela zilandelayo. Xa usuka ngaseMonti usiya ngaseQonce. Kucetyiswa uthathe uhola wendlela uR102(Berlin) uyongena kuR346 eZwelitsha uyoqhina eQonce.
Osuka ngaseQonce esiya eMonti, makaphume ngohola wendlela uR346 oseZwelitsha ayoqabela eBerlin lo ndlela izomkhuphela kuN2 oya ngaseMonti.
Ukuba unento ofuna ukuyiqonda tsalela amapolisa nanjengoko umcimbi lo useshushu.
Okwangoku iseyindaba yakwamkhozi ingxelo malunga nokubanjwa okanye kudutyulwe bani, kwabhubha bani. Leyo isafuna isipolisa seli loMzantsi Afrika.