BHISHO – Umbutho wokhetshe(HAWKS) ephondweni ubambe amagosa asebenza kwisebe lezempilo ephondweni kwicala lenkonzo lezonyango olungxamisekileyo(EMS). Ngamagosa amathandathu aqikelelwa kwiminyaka engama 42 – 52, lamagosa atyholwa ngobuqhentseba kwakunye nomgunyathi.
Othethela umbutho wokhetshe uWarrant Officer uNdimphiwe Mhlakuvana uthe isebe lezeMpilo eMpuma Koloni lakhupha imisebenzi engama 730 kwizithili zosibhozo zephondo imisebenzi kwicala lezonyango olungxamisekileyo(EMS).
Iziqinisekiso ezazifuneka, ziziqinisekiso zebanga leshumi okanye ezilinganayo(equivalent).
UMhlakuvana ungqinile ukuba amagosa amathandathu afaka izicelo kwaye abizwa kudliwano-ndlebe, lamagosa aqashwa ngonyaka ka 2015.
Ngenyanga yoKwindla kulonyaka uphelileyo lamagosa acelwe ukuba athi thaca izatifikethi zematriki etafileni, kukhangeleka ukuba lamagosa oko eduka ezicithini.
Ukongeza iSebe lezeMpilo liye lenza uphando olunzulu malunga neziziqinisekiso zalamagosa, kuye kwafumaniseka ukuba izatifikethi zematriki zalamagosa ngezomgunyathi. Ukanti lenyewe iye yaphoswa kumbutho wokhetshe ukuze aphande nzulu.
“Uphando luveze okwekati ehlungwini ukuba isebe lubandlulule ngaphezulu kwezigidi zerandi ezingapha kwe R7.9 mil.”
Lamagosa mathandathu azokuqabela emaplangeni kwinkundla kaMantyi yaseZwelitsha namhlanje.