“Ngexesha lokuthandaza kwam (i) Church Corruption izophela”, uqhube wathi kuqhuma isijolo sodwa eWesile.
La ngamazwi kaQueen Nandy eziphendulela kudliwano-ndlebe nesikhululo saseMdantsane FM.
Emveni kokubona isankxwe kwizitalato zonxibelelwano ingakumbi u’Facebook’ apho kukho isibini esigrwangxulana ngamazwi arhabaxa.
Ziinkunzi zikaMinosi ezigquba esibayeni esinye, akukho nenye efuna ukugoba uphondo. Omnye uzibiza “Sinoo Ratti” nekuligama ekubonakala ngathi liqanjwe bumini kunye noQueen Nandy Mgoqi- Mlombi oyinkosikazi kaMfundisi uMlombi. Kodwa ingathi ikhona ede yanxapha yanikezela nanjengoko kuthe cwaka kwezintsukwana zimbalwa siphuma kuzo.
Elibandla ekucaca mhlophe ukuba kulo kugquba isilalo lizinze kuMantla weRhawuti i-Bedford View kodwa isibini esi sesalapha ephondweni leMpuma Koloni kuquka nomfundisi lowo.
Intsusa-mabandla yolunyovu lolwabhice iqale emveni kokuba uQueen Nandy oyinkosikazi kamfundisi edakance izinto ezingahambi kakuhle ebandleni ngokubona kwakhe.
U”Sinoo Ratti” ingathi waye wazama ukumtyityimbisela umnwe ngelithi makathi xhaa kulenyewe kuba yena kuqala uvithizwe waphela ngamagosa eCawa kulomhlaba ungezantsi.
U-Queen Nandy akazange avume ukuhlehla umva, waqhubeleka nephulo lakho lolucoca i-Cawa, kwathi kanti akalazanga eliwinayo wadibana neembila zithutha wena wakhe wayibona inyoka iphunga umhluzi.
Bamyicile kakuhle umfazi kamfundisi bashiya abalilibeleyo. Kuye kwangenelela neengcungela zabathuki . U “Sinoo Ratti” ubeyithe chuu ngcembe kuhle okofudo luvela evenkileni luyothenga i-Twizza inkosikazi kamfundisi.
Uwavumbulule amabibi namanyala awenziwa ngumfundisi kwakunye nomfundisikazi namanye amagosa eCawe kuquka neziganeko zakudala.
Sizamile ukuncokola no”Sinoo Ratti” malunga nezizityholo zingaka waphendula ngelithi woyikisela ubomi bakhe kuba iinkokheli eziphezulu ze-ANC, imibutho yesisa kunye nabefundisi abakwizikhundla eziphezulu zeUnited Methodist Church of Southen Africa (UMCSA) sebethe gabhu izifuba kule nyewe, nto leyo emenza abemadolw’anzima ukuphendula.
Umfundisikazi bathi akayiseli ibhotile ubuya ngolala, kuthiwa uneendawo ezinyukayo ayiqethule kungashiyeki nethontsi.
Kobubutyobo kubhutywana ngabo ngendaba yokuzintyintya kwabefundisi ngotywala akhona amabandla waseMthatha kunye naseBhofolo abandakanyekayo.
Imizamo yokunxibelelana nenkosikazi kamfundisi iwe phantsi.