MAKHANDA – Ngabantu abathandathu(6) abathe basweleka kwangxwelerheka isixhenxe(7) sonke kwiingozi ezimbini ezimasikizi apha ephondweni leMpuma Koloni izolo(06-10-2023).
Kwisiganeko sokuqala, bane(4) abantu abaswelekileyo babebane(4) abangxwelekerheke kungquzulwano lweenqwelo ezimbini phakathi kweNgqushwa neMakhanda.
Sisithuthi esilohlobo lweToyota Avanza nebesikhwelise abantu abasixhenxe(7) singquzulene okweenkunzi zeegusha nesithuthi sakwaFidelity esiluhlobo lwebhakhi nebesikhwelise abantu ababini(2) abangamadoda kwindlela ebisingise ngaseNgqushwa.
Abantu abane(4) kwiToyota Avanza baye basweleka ngoko nangoko kuquka nomqhubi. Abahlanu(5) bafumana umonzakalo kanye nesisibini sonogada bakwaFidelity nabaye baleqiswa esibhedlele eMakhanda.
Enye ingozi emasikizi apho kungquzulene khona izithuthi ezibini kuR61 phakathi kweNgcobo noMthatha. Babini abantu abathe banabela uqaqaqa, abathathu bafumana imigruzuko.
Yinqwelo-mafutha encinci yakwaVW Polo ebinamadoda amane(4), intlithene neLori(Mini Truck). Isibini(2) ebesikwiPolo umqhubi kunye nomnye umkhweli baswelekele kwindawo yexhwayelo, abanye abakhweli baleqiswa esibhedlele eMthatha.
Umqhubi weLori uye wabhunca engenawo nomncinci umkrwelo.
Kutyholwa ukungakhathali kuzo zonke ezingozi kwaye amatyala wokubulala ngokungenanjongo avuliwe ukuze kuqhutywe uphando.