EPHONDWENI – Rhoqo ngonyaka iculo linye lelo lokufa kwabakhwetha. Abantu baphelwe nalithemba lokuba lentsinda-badala ingaze ifikelele esiphelweni, bambi baphelelwe ngumonde.
Lishumi linesixhenxe(17) labakhwetha abanyukele ngasentla oko iqalile isizini yolwaluko. Ukanti kunyaka ophelileyo bekubhubhe amakhwenkwe alishumi elinanye(11) kanye kuyo lesizini.
Ithi lonto kulo umiyo lixhume kakhulu inani xa kuthelekiswa nonyaka ophelileyo.
Oonozazi bathi lamakhwenkwe abhubha ngenxa yenkathalo engekhoyo kumakhankatha, makhankatha lawo angekho semthethweni naselungelweni lokujongana namakhwenkwe.
Enye yezinto ezikhankanywayo kukushokoxeka kwamanzi emzimbeni.
Nangona njee zikhankanywa ezi zinto zimbini kodwa abanye banesikrokro sokuba hleze kuthi kanti bukho ubugqwirha obukhatshwa ngumoya omdaka phaya ehlathini.
Urhulumente ubetha ngenqindi phantsi, ngelithi umntu xa engenabo ubungqina bobugqwirha nentakatho bakathule afe.
Sisajonge kwisizini yesibini xa unyaka usongwa. Amakhwenkwe azakubhala njee iimviwo zokuphela konyaka emveni koko ibeyimikrozo ukuya engcibini.
Ngaphandle nje kokugxekana nokugxibhana, sithini isisombululo salenqontsonqa, izinto ezinokunqanda nokukhawulelana nalomkhwa uthande ukunxakamisa nokuxhalabisa uluntu? Akekho umzali onqwenela ukubhujelwa ngumntwana wakhe.
[UMBUZO]
Singacebisa sithini?