EMONTI – Abanikazi bendawo yokucima unxano, neyaziwa ngokuba kuse Enyobeni bebevele kwiNkundla kaMantyi yaseMonti izolo, besolwa ngokwaphula isolotya kumthetho wokuthengiswa kotywala (Contravention of the liquor Act). Kusolwa ngelithi bathengisela abantwana abangaphantsi kweminyaka evumelekileyo, utywala.
Ezi zityholo zathiwa thaca yibhodi elawula ukushishina ngotywala ephondweni (Eastern Cape Liquor Board) kwinyanga yeSilimela kunyaka ophelileyo, emva kokubhubha kwabantwana abangamashumi amabini ananye Enyobeni.
Isithethi seGunyabantu lezotshutshiso ePhondweni uLuxolo Tyali uthi, akukabikho matyala wambi ongezelelweyo, kwaye ke ukuba ebekhona bekuzoziswa kwatanci abantu ababandakanyekayo.
Kwelinye icala ummelwane, uMncedisi Kwinana oneminyaka engamashumi amathandathu anesixhenxe, uthi oko kwathi kwavalwa Enyobeni balala obosana ubuthongo. Uthi akusekho vumba lamchamo namaphanga kuvukwa ethe saa ngasendlwini yakhe.
Isithethi sebhodi elawula ukushishina ngotywala uGqirha Mgwebi Msiya uthi, wothukile akuva ukuba abamelwane bebehleli ubomi bentshontsho yindwawo yase Eyobeni. Uthi iyethusa neyokuba kanti abahlali base Scenery Park bafaka isikhalazo emapoliseni kwintsukwana ezimbalwa phambi komhla wesehlo, ngendawo yase Enyobeni.
Isibini esitshatileyo, nesingabanikazi bendawo, kulindeleke ukuba sivele enkundleni ngomhla wamashumi amabini anesithathu nangomhla wamashumi amabini anesine kuCanzibe 2023.