MBIZANA – Isengumba otshisa ibunzi indima yokufa kwamakhwenkwe efela entabeni kwiphondo le Mpuma Koloni.
Isiko lolwaluko lidala kwaye linenkqayi kodwa kubonakala asekho amagingxi-gingxi okusweleka kwabakhwetha ingakumbi kwiphondo le Mpuma Koloni.
Inyanga yeSilimela yenye yeenyanga ekuthi kuvulwe ngokusesikweni ukuba amakhwenkwe enje njalo ukuya kwisikolo sobudoda kuba ilixesha lokuvalwa kwezikolo zeholide zobusika.
Iintsapho ezininzi zizibona sele zingcwaba zingaqondanga nanjengoko abantwana babo suke beswelekele ehlathini.
Babalelwa kwishumi elinesixhenxe(17) abakhwetha abayikhabileyo ibhekile ngethutyana nje elingephi siqalile isikolo solwaluko.
Ebutsheni balenyanga uMphathiswa worhulumento lwasemakhaya nemicimbi yemveli kweli leMpuma Koloni(EC COGTA) uZolile Williams ubetyelele kummndla waseAlfred Nzo kwidolophu yaseMbizana nalapho kusweleke abakhwenkwe amathathu kumabhoma ohlukeneyo nekudizwe ukuba ebengekho semthethweni.
Isithethi seliSebe lorhulumento ngentsebenziswano nemicimbi yemveli uMamkeli Ngam uqinisekisile ngelinani ze wadlulisa amazwi ovelwano kwiintsapho eziphulukene nabantwana bazo. OkaNgam uthi kudala besithi makulandelwe imigqaliselo eyiyo nechanekileyo ukunqanda izinto ezikumila kunje .
OkaNgam ukwathe abazali mabathabathe uxanduva bancedisane norhulumente ekuqinisekisekiseni ukuba abantwana babo baya ehlathini balandele imigomo nemiqathango yasentabeni.
Ukwakhuthaze abazali ukuba bavule amatyala ukuze kubanjwe izigila-mkhuba ezolusa abantwana ngokungekho semthethweni.
Ophuma kwindlu yeeNkosi uNkosi Gobingqele Gwadiso uthe, Basawukhangela undonakele nanjengoko xa betyelele kula mabhoma bafumanisa into yokuba abakhwetha abanamanzi woneleyo.
Nanjengoko ecinga ukuba into yokusela amanzi mayibe sisinyanzeliso ngokungathi basela iipilisi ukunqanda iziganeko zokusweleka kwabakhwetha .
Isebe lezeMpilo alifumanekanga ukuphendula de kwafika ixesha lokupapashwa kwelinqaku.