MTHATHA – Kwiintsuku esiphila kuzo kubalixhala kakhulu xa umntwana kuphela iiyure eziliqela ungasamboni.
U-Madoda J. Dada kuqengqeleka iiyure ezingakwa kwesine ngoku engasamboni owakhe umntwana. Ngeke kwehle nobuthongo kutata nakumama kaUmiyo.
Lo mntwana uneminyaka nje emithathu(3) ubudala igama lakhe nguUmiyo, akakwazi ukuthetha kodwa uyeva ngendlela kwaye uyasabela xa umkhwaza.
Ubedlala ngesithuthuthu sakhe phandle ngexesha enyamalala kwikhaya lakhe eliseVidgesville kude kufuphi naseQunu.
Umnqa ngulo wokuba lo mntwana uphume njani kuba amasango ebevaliwe ngexesha enyamalala.
Umntu onganolwazi anganxibelelana noyise kulenombolo; 076 201 1190
Okanye ku079 361 3290
Sihlaba ikhwelo kuye nabani na abaze iindlebe kwaye aqwalasele xa ebona into angayiqondiyo kuba ithande ukuxhaphaka into yokuxhwilwa kwabantwana abancinci. Abakwaziyo ukuthandaza mabathandaze, abaphahlayo mabaphahle, abakwaziyo ukuyothetha exhantini bathethe. Yeyethu sonke kwaye ifuna kwathina.