KWABHACA – Ibutho lokhetshe (HAWKS) khange linyube nenye kwezinyubisayo. Ngosuku lwangoMvulo linqakule labamba izibhovu-bhovu zamasela. Ngongcothoza babasebenzi bezikoi lezemfundo i-Ingwe TVET College.
Intaka ibetha nomthi wayo kuba lamasela kuvakala ukuba bazabela ilifa kwimali yeempula zikalujaca bagqebhelana ngayo nezizalwane zabo ezisenyongweni.
Bazidaphulele imali izigidi zemali ezingamashumi asixhenxe nesibhozo (R7.8 Million).
Isithethi samapolisa uYolisa Mgolodela uthe, “Abarhanelwa babanjelwe ukwenza ubututu, nobuqhophololo ngethuba besebenzela iziko lezemfundo i-Ingwe TVET College.
Babeyalelwe ukuba babhatale ababoneleli beenkonzo(Service Providers) endaweni
yalonto baziyuculela isixa esilingene bona bazibetha zagcala mfii iibhanki zabo, becuntsulela namaqabane wabo kunyd nezizalwana zabo”. Lo kaMgolodela uthe okwangoku ababanjiweyo ngu;
1. Nokwenjenje Matiwane(61)
2. Mninawe Notshikila(35)
3. Akhona Nkosazana Mveke(35)
4. Asandiswa Wendy Mbebe-Mxali(44)
5. Siyabulela Government Mxali(46), 6. Balungile Godfrey Makaula(36)
7. Zukiswa Nqina-Makaula(37)
8. Asiphe Nombanga(62)
9. Nobantu Makaula(62)
Kusuku lwangoLwesibini apha evekini bonke abarhanelwa batshe tshee! njee okokuqala kwinkundla kaMantyi iMthatha Specialised Commercial Crime Court kwaye kungokunje bangaphandle ngengqawule yamawaka asixhenxe (R7,000.00) umntu ngamnye.
Ityala lona limiselwe umhla wamashumi amabini anesihlanu kulenyanga sikuyo (25-07-2023). Ngokutsho komphathi wamapolisa uYolisa Mgoledela.