Urhulumente wephondo lase Mpuma Koloni ebambisene nomphathiswa weSebe Lemfundo Esisiseko kweliphondo uFundile Gade, bothulele umnqwazi ootishala ababini beliphondo ngokuthi baphumelele ukhuphiswano lukazwelonke lootitshala nelaziwa njenge “National Teachers Awards” ngolwasemzini. Ukanti nezikolo zeliphondo zithe zafumana ingqwalasela nanjengoko ziqhuba kakuhle.
UGade uvuyisene nabatitshala babini engawuvali umlomo ngenxa yemincili.
Esisibini siphumelele indawo yesibini kwizigaba ezahlukeneyo, ukanti ukhuphiswano belubanjelwe e-Emperor’s Palace kwiphondo lase Rhawutini ngoLwesine weveki ephelileyo, umhla wesihlanu kweyeDwarha kulonyaka.
U-Kim Farr noxelenga njengotitshala wezidingo ezikhethekileyo kwisikolo i-Hudson Park Primary phantsi komasipala ombaxa iBuffalo City, kwakunye no uBongiwe Daniels ukwisikolo sezidingo ezikhethekileyo iKhanyisa kumasipala ombaxa iNelson Mandela bamke namabhaso axabisa ngapha kwamawaka angamashumi amathathu anesithandathu eerandi (R36 000).
U-Farr uyewangoyena ubalaseleyo ekufundiseni ngeemfuno ezizodwa, ukanti ugxa wakhe uDaniels uyewagqwesa kudidi lobunkokheli ngeemfuno ezizodwa. Lamabhaso aquka imali ezinkozo, ivawutsha yemali, oonomyayi ne laptop, bakwafumana noqeqesho lokuphucula izakhono zabo.
U-Gade usincome kakhulu esisibini ngezakhono zabo zokufundisa watsho esithi, “Siyavuyisana nabo abaphumeleleyo sibabulela ngomela iphondo lethu kuzwelonke. Ukhuphiswano lwalonyaka belungekho lula kwaphela, kungoko sikhuthaza abo bathe abaphumelela sithi makathabathe elithuba njengesifundo ukuze balole izakhono zabo.”
Kusenjalo INkulumbuso yase Mpuma Koloni Oscar Lubabalo Mabuyane, uthabathe naye wagxwala emswaneni etyibela encoma abatitshala kwakunye nesikolo samabanga aphakamileyo i-Ulwazi neyakhiwe kwenye yelokishi ezinkulu apha eMzantsi Afrika, eMdantsane. Isikolo i-Ulwazi iphumelele indawo yesibini kwizikolo eziqhuba kakuhle kwizifundo, kaloku esisikolo oko siyibambile intshinga yokuphunyelelwa kwebanga leshumi ngabafundi baso ukususela ngonyaka ka 2013 uyoma kulonyaka uphelileyo.
Umasipala wesithili sase Chris Hani uthe wafumana iwonga lokuba ngoyena masipala wesithili othe waphucula iziphumo kuzwelonke. UMabuyane uvakele encoma esithi esisisiqinisekiso sokuba ngenene inkqubo yemfundo eMpuma Koloni iphucukile ikwinqanaba elingentla.
“Kulawulo lwethu lwesithandathu sathabatha isigqibo sokuba siqinise iinkqubo kwicandelo lemfundo, injongo yethu yayikukuphucula indlela esiqhuba ngayo kungoko sasuka komyinge ka 70,5% ngonyaka ka 2018 safikelela ku 77,3% ngonyaka 2022 kwiziphumo zebanga leshumi. Sichulumancile ukuva kwethu ezindaba zimnandi kangaka, i-Ulwazi oko ibambe isifungo sayo kokuthi bonke abafundi bebanga leshumi baphumelele, siyonwabele ngempumelelo yomasipala wesithili i-Chris Hani nanjengoko ingomnye womasipala abasemaphandleni. Oku kubonisa ukuba iphondo lethu liliguqule ikhasi xa kufikwa kwicandelo lemfundo, bonke oomasipala bayaphumelela,” Mabuyane.
Ukanti olukhuphiswano lusetyenziswa njengeqonga lokubhiyozela ootishala kukwavezwa namatiletile okuphucula imfundo yelilizwe. Olukhuphiswano liqulathe iindidi ezilishumi elinesine apho abaqatswa bakhuphisana khona, kwaye ukhuphiswano luvuleke kuye wonke utitshala osebenza kwelicandelo.