MQANDULI – Silele nje thina bona bacwangcisa bekwaceba iindlela zokweba imfuyo emfutshane.
Ngelishwa labo kumkhwa ekucaba kudala bethe gqolo ukuwenza badibene nenyoka iphunga umhluzi. Nguyise nonyana babanjelwe ubututu bemfuyo kwidolophu yaseMqanduli.
Lixhego elineminyaka engamashumi mathandathu anethoba(69) kunye nonyana walo onamashumi mabini anethoba(29) abanqakulwe bavalelwa ngamapolisa kwilali yaseMncwasa kwidolophu yaseMqanduli.
Ezizigila-mkhuba zibanjwe nempahla emfutshane ekuquka kuyo iigusha ezingamashumi amane anesibini(42) kunye neebhokhwe ezisixhenxe(7). Kuqikeleleka ukuba ezimpahla zixabisa imali engamashumi amahlanu ewaka anamakhulu amane(R50 400).
Ingxelo iqhuba ithi lamatutu afunyenwe nesixa-mali esingachazangwa.
Ngokwesithethi samapolisa u-Captain Welile Matyolo uthe iigusha ezisixhenxe sele zifunyenwe ngabanini bazo nebezichazwe njengezilahlekileyo.
Esi sibini sithe tshe kancinci kwinkundla yamatyama eMqanduli ngolwesihlanu umhla wama-22 kweyoMnga 2023 ngezityholo zobututu bemfuyo.
Kucelwa nabani na olahlekelwe yimfuyo andwendwele indawo ekugcinwa kuyo imfuyo eyebiweyo kuMasipala waseMqanduli, aphathe isazisi sakhe kunye nekhadi lemfuyo.