EMONTI – Oonqevu bavulele imvula yeembumbulu kwabankwantsana kunye nakonogada bekwasebenzisa imipu ezenzekelayo (automatic rifles).
Kuleqwa-leqwano ebelisenzeka ngobusuku bayizolo kwidolophu yaseMonti lishiye kusweleke ipolisa konzakala onogada ababini abadutyulwe emilenzeni kunye nasezingalweni.
Kuvakele uqhushumbo-dubulo (explosion) ngobusuku bayizolo eWest Bank apho kukholelwa ukuba oonqevu bebexhobe ngezona zixhobo zoqhushimbiso zinzekelayo zinobungozi ukanti abanqevu bebekwahamba ngeemoto ekuqikelelwa ukuba zingapha kwesibini, ngexesha beyokuqhushumbisa umzi wemali wakwa G4S eWest Bank.
Ukongeza abanqevu kukwakholeleka ukuba bebesebenzisa imibhazabhaza yemipu ii-AK-47 ukuzama ukungena ngaphantsi kwindawo yokugcina imali kwaG4S.
Amapolisa kunye nonogada abaxhobileyo bagaleleke kwangoko uzokuphazamisa oonqevu. Oonqevu bacele kwabanentsente ngesantya sika cwethe besingise ngase Qonce.
Oonogada ababini benkampani yakwa Red alert badutyulwe ngexesha beleqa abarhanelwa. Ukanti ipolisa liswelekele kwindawo yexhwayelo, ukuzokuthi ga ngoku oonqevu basacanda amathafa.
Amanqaku ondlekileyo azokulandela