EMONTI/MDANTSANE – Ukuvuka ngentsimbi yesibini kusasa rhoqo evekini ekhangela isitya ebumnyameni kuyamkhuthaza.
Ukupheka, ukufundela ukupheka kunye nokubaneshishini lakhe elithengisa ukutya okuvuzisa izinkcwe liphupha lakhe.
Ngenxa yemeko esijongene nayo yoqhawu-qhawuko lo mbane kunyanzeleka avuke ezinzulwini zobusuku ukulungiselela unongekehli.
Oku akwenzeyo ukuncance kunina kwaye ukukhaba iingubo ukubone njengesi sombululo.
ULisakhanya Mabelu(20) oyinzalelwane yaseMdantsane ngomnye wabantu abatsha abathe bathwaxwa yintswela-ngqesho egqubayo kwelilizwe loMzantsi Afrika, uthe esekulondlela yokufuna isitya ebumnyameni ekhangela umsebenzi wazibonela ithuba lokuthengisa ukutya okukhawulezileyo ezirobhothini(Street Robots).
Uqale ukushishina ngonyaka ka2021, ethengisa iihotdogs nezidudu zakusasa(Cereals).
UMabelu uphumelele Ibanga leshumi ngonyaka ka2020, ngenxa yamagingxi-gingxi wobomi wohlulakele ukungena kwiziko lemfundo ephakamileyo.
“Minazana ethile ndandivela kucukuceza iintwana-ntwana zam zokuthengisa ndaqaphela ukuba ezirobhothini akukho mntu uthengisayo ndazibonela elithuba, ndabona ilithuba elihle kakhulu eli lokuba ndithengise into esiwa phantsi kwempumlo, kuba ngexesha lakusasa kuyaphithizela kwaye abanye bamka bengatyanga emakhaya ngenxa yokuleqa ixesha,” utshilo uMabelu.
ULisakhanya uthe wayibona iyeyona ndlela ilula ukuthengisa amaqebengwana akusasa(Sandwiches & Muffins) abathengi bakhe nabasebenzisa izithuthi zikawonke-wonke bayawathanda kwaye kubalula nakubo uwatya xeshekweni beyokusebenza.
“Ndingatsho ndithi ndiyincance ebeleni lento yokuthengisa lamaqebengwana akusasa, ndikhule umama ewathengisa ndivuke nam ngoqhiza ndimncedise ukubhaka. Ndibone apho kanye ukuba abantu bayawathanda lamaqebengwana kuba ebewaphatha nasemsebenzini ayothengisela oogxa bakhe,” utyatyadule watsho lo kaMabelu.
Ukongeza umama kaLisakhanya ngoyena mxhasi wakhe umkhulu kuba nemali yokuqala ishishini wayifumana kuye. Le ndlezana yanika intombi yayo imali engamakhulu amathandathu eerandi ukuze izame into yokuthengisa iziphilise. Oku kuza emveni kokuba uLisakhanya engakwazanga ukuya kwiziko lemfundo ephakamileyo ngenxa yokungafumani sibonelelo sokufunda sikaNSFAS.
Abantu bayalixhasa kakhulu ishishini lika Lisakhanya ngokuthi bafake ii-odolo zamaqebengwana ingakumbi xa benemithindazo neemvuselelo zangorhatya. Maxa wambi uyacelwa ngabaxhasi bakhe ukuba abaphathele emsebenzini ngoko uye abhake amaqebengwane athe xhaxha kunalawo aye awalungiselele ukuwathengisa esitalatweni.
Iphondo leMpuma Koloni lelinye lamaphondo aphala phambili kwintswelangqesho xa kuthelekiswa namanye amaphondo, noqoqosho aluzinzanga.
ULisakhanya uphefumle wathi kulomba, “Yonke into ifuna imali kulemihla sikuyo, andingetsho ncakasane ukuba ulutsha lwaseMpuma Koloni luyekelele umxakatho, ndiyangqina kona ubuchwepheshe bubenza bubelula ubomi kodwa ke sithini ngabo bangakwaziyo ukufikelela kwi intanethi nabo bangenayo imali yokuzithengela idatha ukuze bazifunele umsebenzi”.
ULisakhanya ukwinkqubo yokubhalisa ishishini lakhe ngokusemthethweni, kwaye uthi uneminqweno yokuba nekhitshi elijikelezayo (Mobile Kitchen) azokwazi ukuvula amathuba engqesho koontanga-ndini abangaphangeliyo.
Imiceli-mngeni ahlangabezana nayo uLisakhanya kwelishishini lakhe ngucimi-cimi wombane nokuhamba ebumnyameni ingakumbi ngelixesha lasebusika.
ULisakhanya uvale ngelithi, “Iintloni azizosenzela nto ngoko abantu abatsha mabayeke lento yokuthi abantu bazakuthini xa bendibona ndisenza uhlobo oluthile lomsebenzi, yenza lento uyithandayo uwasuse amehlo wakho emntwini kuba nam mabayazi ukuba ndimamele izinto ezikhuthazayo eziphuma ebantwini abagxekayo andibahoyi.”
Lona kaMabelu uvuka eMdantsane asingise eMonti uyafumaneka kwirobhothi zase Vincent(Union Ave.), eMonti rhoqo ngoMvulo uyokuma ngoLwesihlanu ukusukela ngecala emveni kwentsimbi yesithandathu ayokunqandwa licala emveni kwentsimbi yethoba kusasa.
Ziveki nje zintathu okaMabelu echachatheka yingqele kwirhobothi zase Vincent ukanti akazimiselanga kurhoxa.
ULisakhanya ungqinile ukuba umankunxa wesikhaftina ahlohla kuwo lamaqebengwane ugoduka nawo egoqoza.