MTHATHA – Usapho lakwaMapeyi kwilali yakuGxididi eMthatha luyiva ngevumba kuphela into eya phantsi kwempumlo. Xa besincokola nelinye lelungu losapho ilizwi lingcangcazela, ifixiza, inyembezana intombazana ixakwe kuzityanda igila ibike imeko abaphila phantsi kwayo belusapho.
Kuqengqeleka iintsuku engasafumaneki amasentana ebebeqhele ukuwafumana kwi-Arhente ejongene nezibonelelo zabantu abadala kunye nabantwana i-South African Social Security Agency(SASSA) ngamafuphi.
“Silala singatyanga kwaye asisazazi noba sicele ntoni kubani kuba ngalo lonke ixesha besicela izinto ebantwini basinike ngoku siyoyika kuba abantu badiniwe sithi. Asisenawo nombani lo sizihlelele qha, nabantwana abancinci baphelelwa ngamandla oko sikraxalaza amanzi.
Abazali bam basweleka, mna ndineminyaka engamashumi mabini anesibhozo(28) ndinabantwana abathathu(3), kwaye ndizalwa nabantwana ababini(2) lonto isenze sibebathandathu(6) ngam”.
“Kudala siquqa kwaSASSA, kubane kusithiwa sizokroba ngoku kuphele nale besiquqa ngayo kuba kukude edolophini”.
Elona xhala lalentombazana kukuvulwa kwezikolo abanalwazi ukuba bazakudibanisa ntoni nantoni.
Xa ufuna ukufaka isandla nceda uthumele lonto incinci kwibhanki yabo yakwaCapitec: 2040048495(Miss G. Mapeyi)
Kungenjalo ubatsalele umnxeba ku: 060 850 2626.