eMQANDULI – Sekuziinyanga engasabonakali uKhayakazi Siyo (32) kwikhaya lakhe, nto leyo edandathekisa iimiphefumlo yosapho lwakhe kunye nabahlali belali yakowabo.
U-Khayakazi Siyo yinzalelwane yaseMqanduli kwilali yaku-Madondile.
Usapho lwakhe luthi belukade lucinga ukuba luyasiqonda isizathu sokunyamalala kwakhe kodwa ngokuya kuqengqeleka iinyanga iingqondo ziye zaphitha-phithana.
Xa besincokola nelinye ilungu losapho esingenakulidiza ngagama, lithe iinyanga ziyile pha kwisithandathu (6) ukuya kwisixhenxe (7) engasabonakali usisi lo.
Ekhaya ushiya umntwana wakhe oneminyaka elishumi elinanye (11) kwaye uyakhunjulwa ngumntwana wakhe kunye nabazali bakhe.
Kuyarhaneleka ukuba ikhona into ayidlisiweyo emenza angathathi kakuhle apha entloko ngamanye amazwi unqwaku-nqwaku kuba ukhona umkhondo othi uyabonakala eGcuwa nangona engalazi ukuba liphi ikhaya.
Iimpukane eziluhlaza zithi intombi le ibingamathe nolwimi wena uyaziyo intlaka nexolo nomntu waphesheya kocingo okwangunontente.
Ekhaya abasalali buhlayo becela kananjalo ukuncediswa kukhangelwe le ntokazi. Ungabatsalela umnxeba kwezinombolo: 083 499 1105 kungenjalo: 081 506 1376.