MTHATHA – Xa uzityanda igila kulowo uthi uyamthanda sube uneenjongo ezithile ngaye, ingazinjongo ezintle, ingazinjongo ezimbi.
Ziyaguquka ke izinto xa ngaba kunqongophele imvisiswano. Ewe kunzima kwiSebe lezothando kodwa kuyanyamezeka xa uzazi into oyifunayo.
Isikolo samabanga aphezulu eMthatha I-Attwell Madala High nezinze kude kufuphi nelokishi yaseNorth Crest izibhaqa ikwinkunzi yesithatha.
Oku kuza emveni kokuba inkwenkwana efunda kwesisikolo eyenza ibanga leshumi ithe yavulelwa ityala lokudlwengula ivulelwa ngabazali bentombi ebincumayo nayo mhlawumbi ke basancuma wethu asazi.
Uninzi lwabafundi kwesisikolo bathi lo unguOvayo akanatyala liyelenqe nje eli alenzelwe ngu”Stufuza” wakhe.
Intombi le ngokutsho kwabazali bayo ibiyintombi nto ingekaqhaqhwa, nto leyo ebenza bavuthe ngumsindo.
Tyhin le! Intombi yabo izigcine iminyaka emingaka kubekho umntu ozofika sevumbulula ubuntombi bayo ebuvumbulula ngevudu nokwenza.
Ngomso bazakuphuma bonke abantwana baseAttwell Madala High beyoxhasa ugxa wabo ngelithi makakhululwe akanatyala. Uzakuvela kwinkundla kaMantyi eMtata.
Iimpukane eziluhlaza zithi lo “Stufuza” kudala esisanama kuOvayo qha le inguOvayo ibimzulisela caba uphopho ebengekarhatshuki kangako.
Yonke le mbundandimunye yenzeka kanye ngexesha elibi nalapho kusondele iimviwo ezandulela ezo zokuphela konyaka(Trial Exams).
Ukuba iyozala nkomoni, singasemoyeni. Ezizi “Aram” zaseAttwell zithi akho mviwo zizobhalwa apha uOvayo eseluvalelweni.