KOMANI – Bebezityela izinto zabo ezibanda kamnandi uBongani Polo(38) kunye neqabanekazi lakhe elinguVathiswa Dyani(33) ngexesha kuqala ingxushu-ngxushu kwesisibini.
Ezizithandani bezihleli kunye nabahlobo kwindawo yakwaMlungisi kuKomani ngexesha le mpixano. U-Bongani Polo uye wakhweletela intombi yakhe komnye umfana. Ingxelo ithi bekungekho kwanto edibanisa uVathiswa nalomfana akhweletelwa yena.
Ekuhambeni kwabo kwindawo leyo bebezonwabise kuyo, baye kwindlu kaBongani. Bangene nje endlwini uBongani watshixa emnyango emveni koko wafihla isitshixo.
UBongani uye wabuza kuVathiswa ukuba wenza ntoni nalomfana, waphendula uVathiwa ngelithi akukho kwanto imdibanisa nalo mfana yena. Wazana naye qha kuba bekhula kunye.
Iingxelo zidiza ukuba uthathe ibhoso walibeka entanyeni, emkhanda ngamanqindi, embetha nangomva wesibham. Uye waphelelwa ngamandla uVathiswa kwaphela nelizwi lolukhala wadunduluza phantsi.
Kutyholwa ukuba isidlwengu uBongani siye samvula amathanga uVathiswa sazenzela kulomhlaba uchumileyo.
U-Vathiswa uye wayakuvula ityala lokubetha ngenjongo zokwenzakalisa kwisikhulo samaPolisa eKomani. Umrhanelwa lo nophangela kwinkampani yonogada i-Red Guard usagcwele amathafa kwaye wayeka nokuya emsebenzini ngelibaleka elinyala alenzileyo.
Esisikhohlakali sesigebenga senkwenkwe yinzalelwane yaseZola eNtabethemba. Kucelwa nabani na onganolwazi lokuba esisidlwengu sesibhovu-bhovu siziqhusheke phi achazele amapolisa alufutshane.
Ngexesha sikhupha elinqaku inkonzo yesipolisa ephondweni ibingekaphefumli ngale nyewe.