ADELAIDE – UMthobeli ‘KCi’ August usweleke ngoLwesihlanu weveki ephelileyo esendlwini yakhe eRhawutini.
Ngomso umhla wesithathu(03) kule yoMqungu uzakugaleleka umzimba wakhe kwikhaya lakhe eliseAdelaide apha kwiphondo LeMpuma Koloni.
Ukuwa kweliqhawe kothuse abaninzi kuquka nenkulumbuso yephondo leMpuma Koloni uOscar Mabuyane, kwaye uye wathumela amazwi entuthezelo kusapho elandela ekhondweni labaninzi esinokhankanya kubo uSodolophu woMasipala wesithili saseAmathole uAnele Ntsangani kwakunye nosodolophu woMasipala wasekuhlaleni waseRaymond Mhlaba.
U-KCi abaninzi bazakumkhumbula ngoburharha bakhe ngexesha engumbhexeshi wenkqubo yasemveni kwemini (Afternoon Drive).
Ubeliyolisa, iqhula kwaye enobuchule bokutsala abaxhasi nabalandeli benkqubo yakhe, nto leyo ebimenza aqaqambe ngakumbi kubanye abasasazi.
Uzakubekwa u’Skhwakhwa’ kumadlaka ooyise-mkhulu ngomhla wesithandathu(06) kwinyanga yoMqungu kulo umiyo. Inkonzo yakhe yomngcwabo izakuqhutyelwa kumabala wezemidlalo eWanderers kwikhaya lakhe eliseAdelaide ngentsimbi yeshumi(10h00) kusasa.
Akukho sidingo sakuxhalaba kwabo bangazokwazi ukuphumelela nanjengoko uMphathi wesikhululo uKeith Ngesi weKeith Ngesi Radio ethembise ngokuyiqhuba kumakhasi onxibelelwano yonke inkqubo yomngcwabo kwakunye neYouTube Channel, nakuMhlobo Wenene izakusasazwa.