XESI – Bafunyenwe bebhubhile uSingatwa Makubalo oneminyaka engama 48 kunye nonyana wakhe uSiphelisiwe Makubalo oneminyaka engama-24 emveni kokunyamalala iintsuku. Amalungu wosapho athi agqibela ngomhla wama 26 kwinyanga ephelileyo ukunxulumana nabo emnxebeni.
Esisibini nesiphuma kumhlaba waseKrwakrwa eDikeni, besizinze kwindawo yaseGalfini eDikeni. Abahlali baseXesi babhaqe imizimba emibini, eyomntu wasetyhini nendodana iqungquluze kwindlela esingise kwilali yaseRegu nakuMfiki yaza imizimba leyo yathathwa ngaboqhaqho lwemizimba(Forensic Pathology Laboratory).
UMfundisi uBongo Mqikela webandla lamaWesile ushiye ingqungquthela yolutsha kwiSithili saseWilliam Kama ebibanjelwe eNgqushwa akuva ezindaba waleqisa ekhayeni lakwaMakhubalo uya kukhunga athuthuzele ikhaya.
Namhlanje bangqinile ukuthi ngokwenene laa mizimba yayicholwe kumhlaba waseXesi kuthe kanti ngoka Singatwa kunye nonyana wakhe uSiphelisiwe. Ukuduka kwesisibini bekuthe bhazalala kumakhasi onxibelelwano. Umzimba ka Siphelisiwe ufunyenwe enxibe isilamba sebanga le-12 yonyaka ophelileyo unyaka wama-2022.
Iingxelo ezifunyenwe lusapho zezokuba esisibini kukholeleka ukuba baseliswe iChemical ethile kodwa ke ukuza kuthi ga ngoku ayikaziwa ukuba luhlobo olunjani lweChemical.