MTHATHA – Wayecinga ukuba uhlakaniphile uYibanathi MacGyver Ndema(45) xa wayebulala umfazi wakhe emveni koko ayokumngcwaba phantsi kwebhafu, kwathi kanti uzikhande ngenyhek’ etyeni.
Inkundla ephakamileyo yaseMthatha imgwebe ubomi eqamele ngenqindi kwezimnyama izisele uYibanathi MacGyver Ndema.
Oku kuza emveni kokuba elixhwangusha lesibhongobhiyane labulala umfazi walo kwidolophu yaseGcuwa, kwilali yaseZingqayi.
Lo kaNdema uphinde wathiwa nka ngeminyaka emihlanu(5) ngezityholo zokuxaba phambi kwengalo yomthetho. Akuphelelanga apho, uye wanikwa ibhasela yeminyaka emibini(2) yokubetha kwanokonzakalisa umzimba womfi yaze iminyaka emihlanu(5) yaxhonywa.
Lo kaNdema inkundla imfumanise ukuba liwexu-wexu lebhedengu elingenakuthenjwa kwaye akakulungelanga ukuphatha umkhono weKati.
Ngexesha uMantyi ogama linguBuyiswa Majiki ewisa esisigwebo uyigxininisile into ethi abantwana mabanikwe intuthuzelo yasengqondweni kuba yabaphazamisa kakhulu into yokubulawa kukanina wabo.
Lo phuma – silwe wesixhiliphothi sendoda wamgwinta uNoluvuyo Nonkwelo(36) ngomhla wokuqala kweyeKhala ngonyaka ka2019. Ukugqiba kwakhe ukumgwinta wahamba wayovula ityala lokulahlekelwa ngumfazi wakhe emapoliseni.
Umtshato wabo uzotywe njengowona mtshato wakhe wambi emhlabeni. Lo mfazi ubeligubu lalendoda ngalo lonke ixesha inqwenela ukuziva amandla. Lo kaNgema inkundla yamfumana enetyala lokubetha ngomhla we-18 kweyoMsintsi ngonyaka ka2018 nangenyanga yoMqungu ngomhla wamashumi amabini anesibini(22) ukuya kumhla wamashumi amabini anesiXhenxe(27) kweyeSilimela ngonyaka ka2019.
Amatyeli amaninzi ubemngomba lo mfazi ngentonga, emtshisa ngamanzi abilileyo, emduda ngamanqindi ekwamtsala nangenwele.
Umfazi wakhe waye wamvulela ityala lokubetha nekulapho inkundla kaMantyi yafakela lo kaNdema incwadi yokukhusela(Protection Order). Kodwa ke loo matyala aye arhoxiswa.
Lomgulukudu wakwaNdema waye wavalelwa kwinyanga yeThupha ngonyaka ka2021 emveni kokuba kwaye kwafumaneka iinyama ezithile zomzimba phantsi kwebhafu yokuhlambela kwindlu yesisibini.
Abantwana besisibini baye bakrokra xa bebona le bhafu ivaliwe kwaye noyise wabo engafuni ukuba ivulwe enganiki nesizathu. Ngoko nangoko abantwana baxelela utatomkhulu wabo ngale nyewe. Emveni koko kwabizwa amapolisa kwathathwa iinyama ezithile kwayokwenziwa ulibo-fuzo(DNA) neyabuya ingqina ukuba ngenene nguye uNoluvuyo lo uphantsi kwebhafu.
Uqhaqho lomzimba lwabuya ludiza ukuba uNonkwelo lo kubonakala ukuba uye wakhanywa apha emqaleni. Ukuqala kwalo elityala uNdema wathi akayifuni ingqawule kodwa ngokuya liqhuba ityala wabuya sele ecela ingqawule, ngelishwa zange inqwale inkundla kwisicelo sakhe, wafa namthanyana ke.
Oko ke eme ngento yokuba yena akanatyala, ekhanyela nale wayeyiwanqa emapoliseni ngexesha lokubanjwa kwakhe. Uze ukhumbule mfundi ukuba lo kaNdema wathi umbulele umfazi wakhe kuba ekrexeza.
Igqwetha eliphezulu nebelingecala lexhoba uSibusiso Nolutshungu uthi ibingumthandazo wakhe ukuba le nkuntsela yombulali ibolele ejele.
Ingqonyela ephezulu yabetshutshisi kwiphondo leMpuma Koloni uBarry Madolo uqhwabele izandla abatshutshisi belityala ngomsebenzi omhle abawenzileyo ukuzothi ga kolusuku kwanamhlanje