MTHATHA – Kwiiveki ezimbalwa eziphambi kosuku olukhulu olubhiyozelwa kwihlabathi jikelele i-Krismesi, usapho lakwaNcapayi eMthatha belungalali buhlayo emveni kokulahlekelwa ngumntwana walo.
U-Phahlo Panda Ncapayi(22) wayephume nabahlobo bakhe ngomhla weshumi elinesixhenxe(17) kweyoMnga kulo umiyo(2023) beyokuzonwabisa kwindawo yolonwabo i-SMJ Bypass eHighburry.
Le nzwana nebisaze ngobuso ezweni yinzalelwane kwidolophu yaseMthatha kwilali yaseZiphunzana cebukuhle naseNcambedlana.
Abahlobo bakhe baqaphela ukuba akasekho emehlweni wabo, bazama ukumkhangela kodwa loo matile-tile nalomigudu yawa phantsi.
Kwanyanzeleka kwaziswe usapho lwakhe ngokulahleka kwelityendyana nalapho kuye kwazanywa ukukhangelwa kwizibhedlele ezifufutshane nakwindawo ezigcina izidumbu kodwa ngelishwa khange afumaneke.
Isihlobo sezinyo u’Tar Sbido’ naye wancedisa ngokumxhoma umfanekiso waledyongwana kwikhasi lezonxibelelwano(Facebook). Lo mfanekiso wayakufikelela kusiyazi othile eMdantsane eMonti nochazele usapho ukuba luye kwindawo ethile engumgxobhozo.
Ngenene usapho luphathelele kulo ndawo kwafikwa ekhona umntwana ethe tywa emgxobhozweni kwaye nenyama yakhe seyithande ukonakala.
Kungelishwa ke ukuba bafike sele ubanda umzimba kwaye nenkwenkwe le ibisele iwunabele uqaqaqa.