TSOMO- Ufumanekile umkhwetha waseMdatsane nobelahleke ebhomeni, nangona zingekafumani ngokwaneleyo iinkcukacha mayela nokulahleka kwakhe kodwa ilungu losapho libulela iphepha-ndaba eli leEastern Cape Daily News ngomsebenzi omhle eliwenzileyo ekuncediseni ngezixhobo zalo ukukhangela umntwana.
Ufumaneke entabeni engenawo nomkrwelo kunjalo nje engabikwa hlaba ntonje limbambe ngamandla inxele likakhetsekile. Usapho lubulela ngemithandazo nayo yonke imigudu namatile-tile eniwenzileyo ukuze ibe iyafumaneka le poni.
Ukwandwa kwaliwa ngumthakathi. Silelijelo sifuna ukuthi maz’ enethole, nangamso.
Ngxasho ke mzi kaPhalo kaLanga, kaGcaleka, kaRharhabe, kaLutshaba kaNukwa kaBhaca, kaBomvane, kaMfengu, kaMpondo, kaMpondomise kaXesibe kaThembu.
Makubechosi, kubehele kulale ubumnyama kuvele ukukhanya kubenje ngelanga liphuma elagcibeni.
Busuku benzolo.