GQEBERHA – UThando Piliso nongumthungi odumileyo eMpuma Koloni ujongene nelahleko embuyisela umva kwiiveki nje ezimbalwa phambi kokuba asingathe umnyhadala eGhana, i-African Fashion Show in Accra.
Iqikelelwa kwizigidi zamawaka angamakhulu amabini R200 000 ixabiso lempahla elahlekileyo kuquka kuyo nasele eyenzele abathengi bakhe, oomatshini,zonke ezizinto zibiwe kwindawo yakhe yokusebenzela kwingingqi i-Sidwell eGqeberha.
Elishwangusha lishiye lomthungi kunye nabasenzi bakhe kwimeko ekhwankqisayo. UThando ulivulile ityala kwabasemagunyeni, kodwa akukacaci ukuba izinto ezibiweyo uyakuzifumana phambi komnyhadala kusini na. Zezona ndaba zimbi ezi kumthungi nosebenze nzima kakhulu kwezinyanga zigqithileyo esenzela lomnyhadala waseGhana.
UThando uthethe wathi, “Yonke into ibiwe lonto ke ibangela ukuba ndisebenzele kwindawo yabucala ukusukela ngoku, ndawo leyo ezakwaziyo ngabathengi bam. Inkampani yam inamabasebenzi amangaphezulu kwama30 kwilizwe jikelele ekubeni ikuphela komsebenzi endinawo lo.”
Le nyewe ibenegalelo ekophukeni komoya ka Thando nohleli ekhayeni emveni kokuhlukumezeka loluphango. Ngapha koko, uThando usafuna ukuqhubeka nomsebenzi wakhe asebenze ngakumbi ukuxolisa abathengi bakhe. Okwangoku uzakusebenzela kwindawo yabucala, kwaye abathengi bakhe uzakubazisa ngeenguqu kungentsuku zatywala.
Kuyacelwa wonke ubani onolwazi malunga nesisiganeko ancedise abasemagunyeni ngophando lwabo. Ungaqhagamishelana nesikhululo samapolisa saseMount Road eGqeberha.