EMONTI – Ngomhla -07 ukuya kumhla we-09 kweyeKhala kulo umiyo umbutho ‘Inkciyo Eastern Cape’ ubinenkampu nethathe impelaveki yonke. Lenkampu ibibanjelwe kuMasipala ombaxa weBuffalo City eMonti. Ngomhla we-07 bebenomsitho wakwantu edolophini eMonti nakwiilokishi ezingqonge uMdantsane.
Ngomhla we-08 bekukho isidlo sasemini kwiholo yoluntu eNU-10 kwalapho eMdantsane.
Iindwalutho ebezizimase isisidlo sasemini yikumkanikazi yamaXhosa umama uNolwando Sigcawu, Imvaba Cultural Research Institute, Busy Bees, Beauty Peagent Queen, East London Coordinator Olwando Landzela, umsunguli we-‘Inkciyo Eastern Cape’ kunye nabantu basekuhlaleni.
OkaSigcawu uthembise ‘Inkciyo Eastern Cape’ ukuba bazakufumana inkxaso ukuze inyathelo labo likhule ngakumbi.
Ukanti uNkosazana uLungeliswa Hermanus naye ubemenyiwe ngolusuku, uthethe kwavokotheka ethetha ngokubakuleka kobambiswano kubantu abatsha.
Ngabantu abathe kratya ngapha kwe-100 abebeyinxalenye yalomsitho besuka kwiindawo ezahlukeneyo ukukhankanya nje ezi, Idutywa, Gcuwa, Monti, Gqeberha kunye neKariega.
Isithethi sembeko ibingu Nkosazana Qavana obuya eDutywa nothe wagxininisa ukuba lenkqubo izakufikela kwindawo ezininzi kwaye ixhamlise abantu abatsha.
‘Inkciyo Eastern Cape’ izakubambela umbhiyozo wenkcubeko namasiko nge nyanga yoMsintsi kwiphondo leMpuma Koloni.