EMONTI – U-Zoleka Putye nobengumsebenzi kwisebe lezokuhlaliswa koluntu eMpuma Koloni, udutyulwe wayakoyise ‘mkhulu ephuma enkonzweni eAbbortsford kwelaseMonti. Umyeni wakhe nongumrhanelwa uthe wabanjwa ngoMgqibelo umhla we 21 kule imiyo wakhululwa ngosuku olulandelayo.
U-Farida Myburgh oyingqonyela yombutho olwela amalungelo wamanina i-Masimanyane eMonti, utyhola ukuba umyeni kaZoleka ungumrhanelwa ngokuba ebesaziwa ngokumhlukumeza.
UFarida uphefumle wathi, “Umyeni kaZoleka ebesele enazo nempepha zamapolisa ezigunyazisa ukuba adlalele kude le, kodwa ke okubuhlungu kule imeko kukuba omnye weentombi zikaZoleka ebekunye naye ngexesha edutyulwa. Kungoko singulombutho sizakuphakama sixhase usapho nabantwana bafumane intuthuzelo ngokwa semphefumlweni.”
Ukanti imibutho ngemibutho ibiphume ngobuninzi ngoMvulo umhla wama 23 EyeDwarha 20203, ukuza kuthi umbulali makayalelwe ingqawule. Phakathi kwemibutho bekukho umbutho wabasebenzi iNEHAWU uPutye ube elilungu lawo lombutho.
UThando Manyonga nongusihlalo wombutho iNEHAWU phantsi kwesebe lezokuhlaliswa koluntu eMpuma Koloni , Uthi bafikile bengumbutho eNkundleni ukuza kuxhasa usapho longasekhoyo uZoleka Putye ngokuba umfi ebelilungu leNEHAWU.
“Singulo mbutho sichasene nokuhlukunyezwa ngokwesini kwaye sithi umthetho mawudlale indima yawo, sikwathi sizakubalapha siyalele umthetho ukuba udlale indima yawo ngenxa yosapho luka-Putye.” Utshilo uManyonga.
Amaqela ezopolitiko nawo awakhange abenako ukubukela imeko ekumila kunje iphele ezandleni, amalungu amaqela ohlukeneyo ebecula ngaphandle kweNkundla kaMantyi eMonti.
Ukanti ke phakathi kwabantu ebebeye kuxhasa usapho lakwaPutye eNkundleni bekukho uCllr. Zininzi Mtyingizane nongusihlalo kwiqela labasetyhini bombutho iANC kuMasipala ombaxa wase Buffalo City, uvakalise olwakhe uluvo ekwathi bengulombutho wabasetyhini bajongene ncakasana nesini somntu yiyo lonto bengakhange bakwazi ukuhlala basonge izandla xa kuthwa nanku umntu wasetyhini ebuleweyo ngokungenalusini.
UMtyingizane uthi, “Ukhona ke umrhanelwa ba ubanjiwe, kodwa sikwavile ukuba ukhululwe eyonanto ke sifuna ukiyiqonda, umrhanelwa lo ubanjwe ngoMgqibelo, ngoko mthetho umntu xa ebanjwe ngempela-veki uvela eNkundleni kaMantyi ngoMvulo, kodwa sithe xa sifika apha safumanisa ukuba umrhanelwa ukhululwe ngeCawa. Siceba ukuya kwisikhululo samapolisa apho ebebanjwe khona akhe asinike inkcazelo ethe vetshe malunga nokukhululwa komrhanelwa.”
Ukuxhatshazwa kwabasetyhini nokubulawa ngokungenalusini ngumceli-mngeni onzima kakhulu eMzantsi Afrika kumaphondo onke, oku kunefuthe elibi kwiintsapho ngoba zithi zishiyeke zingenabazali. Ukongeza iphepha i-Eastern Cape Daily News lizamile ukuqhagamashelana nabakwantsasa kwisithili soMasipala ombaxa saseBuffalo City kodwa ngelishwa abakwantsasana bebengekabuyeli kuthi ngexa sityekeza elinqaku.