NGQELENI – IbinguMmbo nomXesibe namhlanje kwisikolo samabanga aphantsi iMkundlu J.S.S. phantsi kwesandla senqununu uNksk Nangamso Buzani kwilali yaseCanzibe kwingingqi yaseMaqadini phantsi kwedolophu yaseNgqeleni kude kufuphi nakuNomadolo.
Yimiqodi yabantu abebengungelene kumthandazo wesikolo ngelizama ukugxotha umshologu wamadimoni nazo zonke izinto ezimdaka ezichwechwela abantwana besikolo.
Abaququzeleli balomsitho ekuquka kubo i-SMT, isigqeba solawulo lwesikolo(SGB) kunye neRCL engumbutho wabantwana bayanqwala bencoma lo msebenzi nobekwelona zinga lakhe laphezulu.
Sincokole nomnye wabaququzeleli balengxikela yenkonzo uSipokazi “Momo” Mkundlu, usichubele obekusenzeka phaya. “Msasazi namhlanje sithandazela ezi zinto zilandelayo; Ukufa kwabantwana, izigulo ezahlukeneyo, iziyobisi, iingozi, ukumitha kwabantwana abancinci, ukuqaqadeka kwabo nezinye”.
Uwuncome kakhulu lo msebenzi njengobeyimpumelelo.
Umfundisi webandla lamaDatshi i-Uniting Reformed Church in Southern Africa(URCSA) umfundisi uThanduxolo Mountain kuthiwa ebemnxibele amaquza uSathana, umnyevulele wamthuka embuza imvelaphi yakhe, ubaxelele ngoYesu osindisayo kwaye khange amcenge nakancinci uSathana, apho akhoyo uMtyholi uzikhotha amanxeba, igalele inkwenkwana yaseCawa ePort Alfred neyasabela ubizo kwibandla lamaURCSA kwimishini yaseCanzibe ngasesibhedlele. Ubequle ngalamazwi akwincwadi yabaseKorite besibini isahluko 12: 9.
Abantwana besikolo bayalwe ngokwaneleyo kwaye ukuba abavanga sokuze baphinde bave. Ezinye zezithethi ebeziwisa intetho kulenkonzo lilungu lesigqeba solawulo lwesikolo uNskz Mtatsa, umfundi omele i-R.C.L. uAnathi Ludziya nelungu leS.C.O. uLuyanda Mjajubana kunye nomfundisi-ntsapho uMzoxolo Gcolotela.
Bebecangcatha kumgomo othi: “Ubabalo lwam lukwanele”.