NGQUSHWA/DEBE-NEK – UMphathiswa wesebe Lezothutho eMpuma Koloni uXolile Nqatha udele ingqele ibiqhaqhazelisa amazinyo eyokuzijongela ngokwakhe ubume bendlela ezithile komasipala basekuhlaleni iNgqushwa kwakunye noMasipala iRaymond Mhlaba, ngomhla we 10 kweyeKhala.
Oka Nqatha uqale kwi project yokwakhiwa kwendlela esuka kuR72 iyokungena eHamburg.
Lomsebenzi wenziwa lisebe lezothutho ephondweni kodwa nangona kunjalo iinkokheli zomasipala waseNgqushwa zibize uMphathiswa khonukuze zizokufakana umlomo naye malunga nesantya sofudo abathi le project ihamba ngaso kwakunye namanye amaginxi-ginxi ale project.
Amagosa esebe lezothutho akuqoqo oluphezulu adakance izicwangciso zale project ze emva koko kwaboniswana ngama tiltile azakwenziwa lisebe ukuzama ukuphakamisa isantya somsebenzi.
Iinkokheli zaloMasipala zithi lendlela ibalulekile kwizicwangciso zokuphuhlisa loqoqosho, ukutsala abakhenkethi kwakunye nabatyali zimali kule ngingqi
Lomasipala ubukwa khalazela imeko emaxongo yendlela esuka kwidolophu yase Ngqushwa needibanisa uR72.
Nalapho ke isebe lithe thaca izicwangciso zalo neziquka ukuvalwa kwee ‘potholes’ kulandlela.
Ukongeza uMphathiswa uye wenjenjeya ukuyokuzibonela isimo esimaxongo sendlela esuka eDebe-Nek netyhutyha iilali nefama zalo mmandla.
Nalapha uMphathiswa ebephelekwe ziinkokheli zalomasipala,ezasekuhlaleni kunye namagosa elisebe.
Emva kokuzibonela isimo salendlela uMphathiswa uthembise ngokubuyela neempendulo kwii nkokheli zalomasipala ingaphelanga leveki emva kokudibanisa kwakhe iintloko namagosa esebe.
Bonke abathathi nxaxheba bayavumelana ngokubaluleka kokulungiswa kwalendlela nanjengoko iyenye yendlela ezibalulekileyo kuphuhliso loqoqosho,olwezemidlalo ikwa lulutho kwizikolo ezingaphaya kweshumi kwakunye namaziko ezempilo(clinics)amathandadthu kwezi lali.