GQEBERHA -Unogada uthweswe isidanga kwiDyunivesithi yase Nelson Mandela seAdvance Diploma kwiHuman Resources Management.
Imincili kunye noncumo bezibhalwe kuNtombovuyo Happy Ntshangase(38) osebenza njengonogada kwiDyunivesithi yase Nelson Mandela, ukanti oka Ntshangase usebenza iiyure ezilishumi elinesibini(12) ngosuku. Kulonyaka uphelileyo oka Ntshangase uthwese isidanga seDiploma. Ukongeza, ngoku ubhalisele isiqenisekiso sesithathu sePost graduate Diploma kwiFinancial planning kwakweliziko-mfundo.
Ngenxa yokunqatyelwa lixesha lokufunda okaNtshangase khange amfumane umyinge ka 60% kwi advance diploma kodwa ukwazile ukutyhudisa wangena kwi postgraduate. Oka Ntshangase ungqinile ukuba ungowokuqala kowabo ukufumana iziqinisekiso ezimbini ngaxeshanye efunda ephangela.
Ukongeza uNtshangase uzibona ethwesa isidanga seMasters degree kwi financial planning kwiminyaka emihlanu ezayo.
“Ndinqwenela ukuzibona ndiphangela kwicandelo lakwa HR,” Ntshangase.
UNtshangase ungqinile ukuba kodwa akanamkhethe nakowuphi na umsebenzi uzimisele ukufumana naluphi na ulwazi lomsebenzi.