LUSIKISIKI – Xa siyiqukumbela inyanga yolutsha, inyanga yeSilimela batywizisa iinyembezi kwaVimbela.
Ithe xa isiya esiphelweni le inyanga wachazwa njengolahlekileyo uBayanda Neliswa Vimbela.
Umzimba wakhe ufunyenwe uthe tywaa etyholweni kummandla waseLusikisiki ngomhla we-07 kweyeKhala kulo umiyo.
Umzimba wakhe ufunyanwa sewutyakatywe watyakatywa oku ngathi bekunqunqelwa izinja.
Abawutyakatyanga njee bamtyhuthule namalungu athile, ukuba bawatyhuthule bawalahla phi iseyindaba yakwamkhozi leyo.
Amanye wamalungu atyhuthulwe zezizigwinta zingenalusini ngamalungu angasese. Ezizityhuthu-tyhuthu zabatyhuthuli ziwatyhuthule amalungu angasese womntwana oku ngathi ngamakhwenkwe erhwaphiliza amathumbu weHagu xa kuxhwelwa.
Izigwinta akhange zicinge kabini phambi kokuba zimbulale kabuhlungu kangaka uBayanda nanjengoko eshiya ngasemva abantwana bakhe ababini nabebenjonge lukhulu kunina.
Ityala lokubulala livuliwe kwisikhululo samapolisa waseLusikisiki.
Oo-Ahabhi abaxhaphe igazi likaBayandiswa basagcwele amathafa.
Endaweni ezilixhaphele kuyo izinja igazi likaBayanda Neliswa Vimbela, ziyakulixhaphela khona izinja igazi lakho, wena lo.