MTHATHA – Ujongene nelona xesha lakhe lanzima kakhulu ebomini bakhe uEsethu, oku kuza emveni kokuba kuthe kwasweleka unina.
U-Esethu uye waduma kakhulu kwintsukwana ezimbalwa emveni kokuba emangalele isinqanda mathe sakhe esityhola ngokumdlwengula sabuphelisa nyaa ubuntombi bakhe.
Unina wakhe khange akwazi ukuyovela enkundleni nanjengoko bebefake isimangalo ngakwelityendyana lwakwaNdaku.
Unina kaEsethu ogama lakhe linguNokuthula Budaza usweleke emveni koqhaqho olungahamba kakuhle emveni kokuba wayegilwe yinqwelo-mafutha wanyukela ngasentla eshiya intombi yakhe intyumpa-ntyumpeka kwezinkulu zona iinzingo zelihlabathi.
Uzakubekwa kwikhaya lakhe lokulinda ngomhla we19 kweyeThupha 2023 kwikhaya lakhe eVlei A/A eFlagstaff. Inkonzo yakhe yesikhumbuzo izakuqhutyelwa kwiholo iAzusa e74 John Beer eNorth Crest eMthatha ngentsimbi yeshumi kusasa umhla weshumi elinesihlanu(15) kulo umiyo.
Kukho iingxelo ezithi uEsethu kwisikolo afunda kuso i-Attwell Madala High akaphathekanga kakuhle kwaye uzibona njengomntu ongamkelekanga koontangandini bakhe.
Ibingamayeye izolo kubhiyozelwa ukukhululwa kukaOvayo Ndaku ngengqawule yewaka. U-Ovayo noEsethu bebengumtya nethunga kodwa izinto aziphelanga kakuhle kwesisibini nanjengoko indoda le ijingelwa lilifu elimnyama entloko.
Ityendayana eli lizakubuyela enkundleni kaMantyi ngomhla we-20 kwinyanga yeDwarha apha ku2023.