NYANDENI – Emveni kwezandyondyo nezikhukhula ezathwaxa ibhulorho edibanisa uMthombetsitsa xa usuka eNxukhwebe kwawadi 05 nelali yakuNgolo eLibode ivuselelwe ngokutsha.
Le bhulorho yakhukhuliseka kwimvula eyayisina ngamandla nyakenye. UMasipala waseNyandeni waqoba umnqwazi engqiba efaka isicelo kwicandelo elijongene neetlekele kuhle komXhosa esithi uDabula walinga wazek’ uS’potwana.
Eneneni kwi-Ofisi yabakwaMunicipal Disaster Fund Relief Grant baye banikwa isixa-mali esingange R2.6 Million.
Ukuvuselelwa kwaleblorho kuthathe nje iinyanga ezintandathu(6) nto leyo ebonakalisa inkathalo kuMasipala waseNyandeni.
Uluntu lweza ngingqi ingakumbi abantwana bebethwaxeka ngamandla yilemeko nanjengoko bebengakwazi ukuya ezikolweni.
Intloko yeSebe lakwaNational Disaster Centre ugqirha Sithole utyelele le blorho ngenjongo yokuyihlola ukuba ingaba iselungelweni lokuba isengasetyezwa na ngabantu. Uhambe engawuvali umlomo encoma indlela ezithe sazetyenziswa ngayo iziseko zokwakha le blorho.
Seyinikezelwe le blorho kwaye iyasebenza.