NGQELENI – Sisiganeko esikrakra, esibuhlungu, esihambisa umzimba, nesishiya imibuzo engenazimpendulo.
Ilihlwili intliziyo kusapho lakwaFodo, oku kuza emveni kwesithwakumbe sokusweleka kwabantwana abathathu(3) bonke ngexesha elinye.
NguAphiwe Fodo(26), Zintle Fodo(26) kunye no-Olothando Fodo(9) baseNgqeleni abathe basutywa kukufa ngephanyazo.
Isithuthi sabo nebesiqhutywa nguAphiwe Fodo, singquzulene nesinye okweenkunzi zegusha kuhola wendlela uN2 cebukuhle neKokstad xa bebesendleleni evela eThekwini beyokugqibezela iholide zokuphela konyaka kwikhaya labo eliseNgqeleni.
Isibini siswelekele kwindawo yexhwayelo, omnye wayakuswelekela esibhedlele, isibini sisekwigumbi labonzakele kakhulu(ICU) esibhedlele eNetcare kwidolophu yaseMaritzburg.
Le ngozi yenzeke ngomhla wamashumi amabini anesiXhenxe(27) kulenyanga yoMnga kulo umiyo(2023).
Esisithathu sizakubekwa kumadlaka ooyise-mkhulu ngomhla wesihlanu(05) kweyoMqungu kunyaka ozayo(2024) kwikhaya labo eNgqeleni eMngamnye eNo.1
Imiphemfulo yabo mayiphumle ngoxolo, uThixo abakhanyisele ngokhanyiso olungacimiyo.