GQEBERHA – Usuku lothweso zidanga lusuku lovuyo nokuzingca kuye nawuphi na umzali.
Utata wentombi yaseGqeberha ebisakuba ngumfundi kwiDyunivesithi yase Nelson Mandela izibambe ngenkophe iinyembezi xa ebesamkela iDegree yentombi yakhe engasekhoyo.
Intlungu leyo ethe yavakala kwisizwe soMzantsi Afrika uphela, amazwi ovelwano asaphokoka.
Kuliphupha labazali ukubona umntwana wabo ephumelela imfundo enomsila. Kutata womfundi weDyunivesithi iNelson Mandela olusuku lokubhiyozela uthweso-zidanga lujike lwayincidi yekhala. Ngolwesine, izithwalandwe zale Dyunivesithi bezintliziyo zaphukileyo xa bezibona uThanduxolo Sontiki esamkela iDegree yentombi yakhe emgasekhoyo.
Intlungu awayekuyo uThanduxolo yavakala kwilizwe loMzantsi Afrika jikelele. Ongasekhoyo uSochuma Sande Sontiki nosapho lwakhe bohluthwa inyhweba yokubhiyoza kunye olusuku.
USochuma nobe eneminyaka engama 22, wasutywa kukufa emva kwengulo emfutshane, emveni kweenyanga ezine efumene iDegree yakhe. Ngexesha ilandulela eli lentwazana ibinekamva eliqaqambileyo nebeseyingomnye wabachongiweyo kwicandelo lezenkcubeko(Bachelor of Arts).
Utata wakhe uxelele iphepha ndaba iTimes Live ukuba intombi yakhe ukuba ibisaphila ibiyakufunda kuqhawuke izikeyi. Ukuzingca ngomntwana wakhe bebubhalwe ebusweni kuMnu. Sontiki.
UThanduxolo unabele kabuhlungu ngelithi, “Ngethamsanqa ebengumntwana olungileyo, nesingazange safumana ngxaki ngaye, ebezimisele eqhuba kakuhle kwizifundo zakhe esikolweni.”
Umbono kaThanduxolo ethatha indawo yentombi yakhe eqongeni uwunyakamisile uMzantsi Afrika. Lomnyhadala wenziwe buhlungu ngakumbi ngelixa othwesa izidanga kwiDyunivesithi esanga uThanduxolo.